IYunivesithi yaseFort Hare imise iinkqubo zokufundisa ubuso ngobuso kwikhampasi yayo yaseAlice eMpuma Koloni.
Oku kuza emva kokuba kuqhambuke uqhankqalazo ngoLwesibini umhla weshumi elinanye (11) kweyeThupha kusasa njengoko abafundi bebonakalise ukungonwabi kwabo ngemiba yeendawo zokuhlala engasonjululwanga ukusukela ngo-2025.
Bakwaveze iinkxalabo malunga neziseko zophuhliso zesakhiwo kunye noko bakuchaza njengokungabikho kwamanyathelo okhuseleko
Kunyaka ophelileyo, abenzi bobubi abangaziwa batshise izakhiwo ezininzi njengoko imingcelele iqhambuke ngemiba yolawulo kunye nonyulo lwe-SRC
Iziganeko ezifanayo zibonwe ngeli xesha, kunye neengxelo zokutshiswa kwezindlu kunye nokuvalwa kweendlela.
Omele i-SRC uSinovuyo Ngcwangi uthi le meko ngeyayingaphepheka ukuba abaphathi bebezimisele ukumamela izikhalazo zabo.
Uthi bahlala bedibana “nekratshi” kubaphathi, nto leyo ebangela ukuba iinkxalabo zabo zingaviwa.
Uthi ngelixa iyunivesithi ibonise ukuba izikhalazo zabo ziya kujongwa ngoLwesihlanu umhlaweshumielinesihlanu(15) kweyeThupha, abafundi bathembise ukuba baza kuhlala enkundleni kude kube ngoko.
Kwingxelo ekhutshwe ngaphambili kolu suku, iYunivesithi iqinisekisile ukuba ukufundisa nokufunda kuya kuqhubeka kwi-intanethi de kube kukhutshwe esinye isaziso.
Ikwabulele abasebenzi kunye nabafundi ngentsebenziswano yabo phakathi koko ikubiza ngokuba ‘lilungiselelo lexeshana’.
