UMasipala weSithili sase-O.R. Tambo uthi uwaxabisile amalungu oluntu afana noModi Maqabaza abakhathalela bebazise ngaphambili iingxa emizi ebuthathaka.
Uthi njengorhulumente, uyayiqonda ukuba abanakuba kuyo yonke indawo ngaxeshanye, kwaye ukuqaphela koluntu kudlala indima ebalulekileyo ekuqinisekiseni ukuba akukho mntu ushiywa engabonakali.
Nangona kunjalo, lomapsipala uthi ukunceda abantu kufuneka kuhlale kwenziwa ngendlela ekhusela isidima sabo kwaye kuhlonitshwe inkqubo efanelekileyo.
Lomapsipala uveza ukuba uluntu sele lunezakhiwo eziqatshelweyo ezenzelwe ukudlulisela iinkxalabo zokwenyani kurhulumente. Ezi ziquka: Ooceba, iiKomiti zeWadi, iiNkokheli zeMveli kunye namaBhunga eMveli, abasebenzi boPhuhliso loLuntu (ii-CDW), iiofisi zikaMasipala kunye namaqonga asemthethweni okunika ingxelo
Ngala majelo uthi iingxeki zobunzima zingaxelwa ngokufanelekileyo, ziqinisekiswe, kwaye zithunyelwe kumasebe afanelekileyo ukuze angenelele. Naluphi na uhlobo loncedo umasipala uthi kufuneka kulandelwe imigaqo efanelekileyo kunye nenkqubo efanelekileyo ukuqinisekisa ubulungisa kunye noxanduva kubo bonke abemi.
Ukanti ngelixa ukuphakamisa ulwazi ngemingeni yoluntu kunokuba yinto ebalulekileyo, ukuguqula ukubandezeleka kwabantu ababuthathaka kube ngumxholo weendaba zoluntu akusombululi iingxaki zabo. Esithi izisombululo zokwenyani ziza xa imiba ixelwa ngokusesikweni, ihlolwe ngokunenkathalo, kwaye ijongwa ngokungenelela kukarhulumente okudibeneyo.
Ke ngoko umasipala wase OR Tambo ukhuphe ingxelo ekhuthaza amalungu oluntu kunye nabalweli benkululeko abaneenjongo zokwenene ukuba basebenzisane nooceba, iiKomiti zeWadi, iiNkokheli zeMveli, kunye nezakhiwo zikamasipala ukuqinisekisa ukuba lemiceli-mingeni ifumana ingqwalasela efanelekileyo.
.
Ukwakhuthaze ukuba makufunwe uncedo kwiingxaki zokwenyani kulandelwe inkqubo, hayi ukupapashwa kweendaba zabantu kumakhasi onxibelelwano.
“Siyawamkela amehlo akhathaleleyo oluntu lwethu, urhulumente wethu ukulungele ukuba njalo, kodwa loo mehlo makakhokelwe luvelwano lokwenene, kungekhona ukufuna ixesha lekhamera okanye ukufuna udumo ngokubeka isidima sabantu engozini.” ivale ngelitshoyo lengxelo
