IGqeberha iyazingca, kwaye inegugu ngesakhiwo sokhenketho esikumgangatho ophezulu nogama liyiSunrise Hotel. Esisakhiwo nesizinze kumhlaba waseBluewater Bay eGqebwrha, sineminyaka emibini kuphela sikhona. Kaloku sakhiwa ngonyaka ka2021 kanye xa siphuma kuxakeka wexesha leCovid 19.
Xa ungena ngaphakathi wamkelwa ngabasebenzi abanobubele abanomdla wokuncedisa abatyeleli babo. Ukanti indlela esihonjiswe ngayo ngaphakathi ikudidi oluphezulu ngokungathi ukwelinye ilizwe.
ISunrise Hotel ithi izidla ngokubanagimbi amahle anento yonke umtu ayidingayo ngemadlana engangeR1200 ubusuku. Lomali iquka nokudla kwasekuseni. Ukanti namagumbi okubamba imisitho banayo, ukuyokutsha kwiindawo zokuzilolonga.
Xa ufuna indawo epholileyo nengenangxolo kwisiphithiphithi sedolophu iSunrise ikulindile kwaye ngencinci imali ungafumana nokutya okukulingeneyo nosapho lwakho.
