Umasipala wesithili sase OR Tambo uthi Njengoko unyaka omtsha ungeniswa, amazulu aye avuleka ngemvula enkulu. LoMaspala uthi Ngomoya wokuqhubeka ngamandla onyaka omtsha; uSodolophu oLawulayo uCllr. UMesuli Ngqondwana, ulumkisa amalungu oluntu ukuba alumke ngakumbi ngexesha lezantyalantyala zemvula ezigquba kwiindawo ezahlukeneyo zesithili ukusukela ngoBusuku bangaphambi koNyaka oMtsha.
Izandyondyo zemvula zikhokelele kwizikhukhula ezingqonge ibhulorho iNenga eCoffee Bay kumasipala wengingqi iKing Sabata Dalindyebo.
U Ngqondwana uthi Ukuqinisekisa ukuba uluntu lukhuselekile, amaqela oLawulo lweeNtlekele kunye noMngcipheko asemxholweni esebenzisana neNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) kulo mmandla ukuqinisekisa ukuba uluntu luyathintelwa ukuba luwele ibhulorho ezele ngamanzi. USodolophu oLawulayo ubongoza uluntu ukuba luphephe ukuwela imilambo namachibi aphuphumayo kwaye lufudukele kwiindawo eziphakamileyo apho kuyimfuneko.
Inkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika izolo (31 kweyoMnga ngo-2023) ikhuphe isilumkiso malunga neemvula eziphazamisayo ezilindelekileyo ezinokukhokelela kwizikhukhula kwiindawo ezahlukeneyo kwesi sithili. Lemvula ijongwe ngeliso elibukhali.
