Uluntu lwaseDuncan Village kwaWadi 2, neyenye yeendawo ezichaphazeleke kakhulu zizikhukula zemvula kutsha nje, luthe lwafumana uncedo oluvela kwisebe lokhuseleko loluntu ephondweni izolo.
UMphathiswa wezoKhuseleko loLuntu, kunye neZothutho uWeziwe Tikana-Gxotiwe unikezele ngeepakethi zoncedo eziquka ikhulu leepakethe zokutya, ii-sanitary towels kunye neengubo kwiintsapho ezichaphazelekileyo.
IsiXeko saseBCM sisazibandakanya kangangoko kumaphulo okucoca kunye nokuzisa iinkonzo kuluntu oluthwaxhwe sesisithwakumbe kwaye kuhlatywe ikhwelo kwabo bachaphazelekayo ukuba bancedisane nabo njengamaxhoba ezi zikhukula kuba umtu ngumtu ngabanye abantu.
Zingaphaya kwe-800 iintsapho ezithe zachatshazelwa zizikhukula. Ukanti umasipala uququzelela uncedo oluvela kumaqela ahlukeneyo kunye nezipho kumaxhoba, aphulukene nayo yonke into kuquka nokuncediswa ukuba kufihlwe abo baphulukene nobomi babo.
