INkokeli ye-Economic Freedom Fighters(EFF) uJulius Malema uthi ukuba i-African National Congress (ANC) kuMasipala wase-Ekurhuleni ayimbuyiseli uNkululeko Dunga njenge-MMC wezemali, bazakwehla kwizikhundla zabo zorhulumento wasemakhaya ne-ANC kwilizwe liphela.
UMalema uthethe noonondaba eKapa phezolo phambi kwendibano yokuqala yeNdlu yoWiso-mthetho namhlanje.
Uthi umfelandawonye weANC neDemocratic Alliance (DA) awuxhaphakanga njengoluvo oludumileyo kwiKomiti eLawulayo kwiANC (NEC).
UMalema uthi iEFF ayizukoyika zikhundla.
“Ukuba uDunga ngokuhlwa kwanamhlanje akabuyiselwanga njengo-MMC wezeziMali, zonke iiMMCs zethu eRhawutini, eMogale City, eGqeberha nase-Ekurhuleni zizakuhla kwizikhundla zazo. Asoyikiswa ngokoyikiswa thina. Ukuba bafuna ukuyisusa, Singay’ isusa nanini na thina . Asinqweneli langazeleli zikhundla thina, kwaye asizange. Sizo kwenza igalelo kwelilizwe,” utshilo uMalema.
By Anita Qubula.
