Umasipala waseMbashe uqhuba iphulo leNkonzo eZisiseko Zamahala (Free Basic Services) kwisikolo samabanga aphakamileyo iMthokwane kwakunye nakwiholo loluntu eMume kwaWadi 27, kuGatyane kwilinge lokusondeza inkonzo ezibalulekileyo eluntwini.
Iindawo zendibase sele zime ngeembambo, nalapho abahlali zezobhalisa khona ukuze bakwazi ukuxhamla kwiinkqubo ezibalulekileyo zenkxaso kaMasipala ezijolise ekuncedeni amakhaya angathathi ntweni.
Ukanti abazimase ezindibano kuquka kubi amagosa kaMasipala, Ooceba, oowadi komitikunye nabasebenzi bophujliso loluntu (CDWs). Ukanti eliphulo likhokhelwe lilungu lekomiti kaSpdolophu uNombongo Apleni nabo bayinxalente yalenkqubo.
Lomasipala uthi ngokubandakanya uluntu uzama unako-nako kukuqinisekisa ukuba uluntu lawo luhlala lunolwazi kwaye lubandakanyeka kwiinkqubo ezibalulekileyo ezenzelwe ukuphucula ubomi boluntu bemihla ngemihla.
Kusenjalo lenkqubo izakuthathisa kwakhona ngoMgqibelo umhla weshumi elinesine (14) kweyoKwindla, kwisikolo samabanga aphakamileyo iNqabarjlh nakwiholo yoluntu iBadi kuGatyane
