UMasipala waseMbhashe ebambisene neSebe lezeMpilo, iSebe loPhuhliso loLuntu, iSebe lezoBulungisa kunye namanye amaSebe karhulumente bebebambe isikhumbuzo sentsuku ezilishumi elinesithandathu kwintsuku ezibekelwe bucala ngurhulumente ngenjongo yokunqanda ukuhlukunyezwa kwabantu basetyhini kunye nabantwana. Lomsitho ububanjelwe eXhora, kwiholo loluntu eMqhele. Oku kwenzeke ngomhla wethoba (09) kweyoMnga 2024.

Olusuku beluquka nesikhumbuzo sikaZwe Lonke seNtsholongwane kaGawulayo (World Aids Day), ngenjongo yokukhuthaza okanye ukomeleza bonke abantu abaphila neNtsholongwane kaGawulayo.
Kulomsitho zonke iinkonzo zeSebe lezeMpilo beziziswe eluntwini lwaseMqhele, iinkonzo ezifana nokuhlolwa kwezibeleko, intsholongwane kagawulayo, ukucwangcisa, uGqirha wamazinyo. Amagumbi wokugula/ukuxilonga kunye negumbi lokuxilonga abantwana abancinci ebekhona nawo.

USodolophu uCeba Samkelo Janda ubongoze lonke uluntu lwaseMqhele ukuba bazisebenzise ezinkonzo ngoba ziziswe kubo ngurhulumente.
“Kungcono ukuba umntu ahlale ebazi ubume bempilo yakhe, khona ukuze akwazi ukuthatha amanyathelo anokumnceda” utshilo uSodolophu.

USodolophu uqhube wacacisa ngenjongo yezintsuku ezilishumi linesithandathu ezabekelwa bucala ngurhulumente (16 days of activism for no violence against women and children) ukuba ezintsuku zigxininisa ukuthi phantsi ngokunyukunyezwa kwamanina nabantwana.
“Urhulumente waseMzantsi Afrika wathatha isigqibo sokubeka bucala ezintsuku khona ukuze
kufundiswe, kugxininiswe kwaye kuphakanyiswe ulwazi ngokubulawa kwabantu basetyhini nabantwana” ucacise watsho uSodolophu.

Isithethi seSebe LezoBulungisa uSesethu France uveze iinkcukacha manani zamatyala wokuhlukunyezwa kwabantu ngokwesini kulonyaka ka2024, kwezidolophu zontathu zaseMbhashe:
. Gatyana -180
. Dutywa – 381
. Xhora – 65
Lo kaFrance ubongoze lonke uLuntu lwaseXhora ukuba luhlabe ukhwelo xa kuthe kwakho isiganeko sokuhlukunyezwa kwenina okanye umntwana ngoba elinani lamatyala waseXhora
liphantsi kodwa bona abantu bayabulawa.


