Home Iindaba UMasipala weBCM uzakuqalisa ukucoca iindlela ezichatshazelwe zizikhukula. 

    UMasipala weBCM uzakuqalisa ukucoca iindlela ezichatshazelwe zizikhukula. 

    UMasipala oMbaxa uza kuqalisa ukusebenza ekulungiseni iindlela, ukususa amanzi esiphango nemibhobho yokuhambisa amanzi nokucoca inkunkuma nemithi.

    ISebe lezeNdlela kwimetro yaseBuffalo City linike ingxelo ngale ntsasa yokuba kwiindlela ezingamashumi amathathu anesixhenxe (37 ) ezithe zachaphazeleka zaze zavalwa kancinci ngenxa yezikhukula zakutsha nje, zisixhenxe (7) kuphela ezisachaphazelekileyo kwaye zezi kufuneka zicocwe ngale ntsasa.

    Iindlela ezinomonakalo omkhulu yindlela iHarmony eAmalinda, iCandelo lohola wendlela iQumza eMdantsane, iinxalenye zikahola weDouglas Smith eDuncan Village, uR102 (indlela endala yaseQonce) kunye nasePine Creek.

    UMasipala oMbaxa uza kuqalisa ukusebenza ekulungiseni nasekucoceni iindlela, ukususa amanzi esiphango nemibhobho yokuhambisa amanzi nokucoca inkunkuma nemithi.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks