32.1 C
King William's Town
Friday, March 13, 2026

Umbulali waseFlagstaff Ugwetywe Izigwebo Zobomi Ezi-5 Neminyaka Eli-10 entolongweni

UMzomhle Matakhiya oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala waseNgqayimbana, eSiphaqeni, ugwetywe izigwebo zobomi ezintlanu (5) kunye neminyaka elishumi (10) entolongweni yiNkundla ePhakamileyo yaseMthatha ehleli ePort St Johns.

UMatakhiya ugwetywe ngezigwebo zobomi ezintathu, ukuzama ukubulala okubini, kunye nokonakalisa impahla ngolunya, okwenziwe ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) ngenyanga yeSilimela ka-2025. Ngaloo mini, wabulala unina oneminyaka engamashumi amane (40) ubudala, udadewabo omncinci oneminyaka engamashumi amabini (20), kunye nenkondekazi eneminyaka engamashumi asithoba anesixhenxe (97) ubudala, ngelixa isoka likanina kunye nommelwane wakhe basinda. Wabanjwa ngaloo mini, kwaye isixhobo sokubulala safunyanwa.

Ngokutsho kukaKapteni Welile Matyolo, isithethi samapolisa ephondo, uMatakhiya wafumana izigwebo zobomi ezintathu zobomi ngokubulala, izigwebo zobomi ezimbini ngokuzama ukubulala, kunye neminyaka elishumi ngokonakalisa ngolunya, zonke ziqhubeka ngaxeshanye. Wabhengezwa nokuba akafanelekanga ukuba nesibhamu.

Umphathi weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, ubaqhwabele izandla abaphenyi ngokuzinikela kwabo ekuqinisekiseni ityala elingangeni manzi nokubonelela ngobulungisa kumaxhoba, kwaye uphinde wathi ubundlobongela obusekelwe kwisini abuyi kunyanyezelwa nangayiphi na indlela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
32.1 ° C
32.1 °
32.1 °
20 %
2.4kmh
76 %
Fri
35 °
Sat
31 °
Sun
33 °
Mon
33 °
Tue
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks