Umbutho weAfrican Transformation Movement (ATM) uthi awukholelwa ukuba ukuphuma kweqela lezopolitiko kwiNkqubela phambili ye-Caucus yemibutho yezopolitiko yoMzantsi Afrika kunobangela ukuncipha kwendima ezakudlawa ngamaqela aphikisayo.
Oku kuza emva kokuba i-United Democratic Movement (UDM), iRise Mzansi kunye ne-Al Jama-ah beyishiyile leNkqubela phambili yeCaucus ukuze bazibandakanye noRhulumente woManyano lweSizwe (GNU).
I-ATM ithi ukusekwa kweCaucus ekuqaleni kwaphenjelelwa sisigqibo seAfrican National Congress’ (ANC) sokuthetha-thethana namaqela amabini awachaza njengorhulumente womanyano hayi kuba echasene neGNU.
Othethe egameni leqela uZama Ntshona uthi unethemba lokuba amalungu ashiyekileyo asazozithwala iimbono ebenazo kwiqumrhu.
UNtshona uthi, abachasani noRhulumente woManyano lweSizwe kuba abantu beli bawucacele lo mba wokuba bafuna kuthathwe inxaxheba kuba abathembi ukuba linye kuphela iqela lezopolitiko elinokukhokela eli lizwe. Yiyo le nto bengena ngxaki xa kungena amaqela kuba abazange babe ngabachasi.
By Anita Qubula.