Home Iindaba Umbutho kaZungula(ATM) uxhalabile kukubhubha kwabantwana ababini(2)

    Umbutho kaZungula(ATM) uxhalabile kukubhubha kwabantwana ababini(2)

    Iqela lezopolitiko I-African Transformation Movement (ATM) ivakalisa inkxalabo enzulu nodano malunga nesiganeko esibuhlungu sokusweleka ngequbuliso kwabantwana ababini(2) ngenxa yokutya okutyholwa ukuba kuphelelwe lixesha. Okukutya kwenkile yasekuhlaleni nephethwe ngabantu bamazwe abangaphandle abangenamaxwebhu asemthethweni okuhlala kwelilizwe.

    Ngokwengxelo yenkonzo yesipolisa eRawutini, ngamabantwana ababini kwabahlanu(5) ababhubhileyo emva kokuba betye iibhiskithi ze basela ijusi ze emva koko  bakhalaza ngokutshisa komqala. Baye ke babalekiwelwa esibhedlele ukuze bafumane unyango, ngelishwa ababini babhubha logama ababini besesibhedlele omnye esachacha ekhayeni.

    “Unobangela wokufa awukaziwa okwangoku, kulindelwe iziphumo zokuhlolwa kwesidumbu,” utshilo isithethi samapolisa aseRhawutini uColonel Dimakatso Nevhuhulwi.

    IATM ithi esi siganeko sibuhlungu sigxininisa imfuneko engxamisekileyo yokhuseleko lokutya olungqongqo, imithetho kunye nokuhlolwa okungqongqo kwazo zonke izinto zokutya ezithengiselwa abantu beli ingakumbi ezilokishini apho iimeko ezinje  ziye zixhaphake kakhulu.

    Lombutho uthi ngumsebenzi karhulumente ukuqinisekisa ukhuseleko lwabemi bakhe.
    I-ATM iphinda ikhuthaze imithetho engqongqo yecandelo, kubandakanywa nemilinganiselo yokuthintela abemi bamazwe angaphandle abangenamaphepha ukuba baqhube ushishino eMzantsi
    Afrika. Ukanti I-ATM ithi iyaqonda ukuba ngumngeni okhoyo ngoku wezoqoqosho
    kwiimeko eziqhubayo uziye ngamanye amaxesha zinyanzele uninzi lwabantu abahluphekayo ukuba bathenge ukutya kwemveliso zomgangatho ongaqinisi mnqwazi.

    Ngoko ke, lombutho uthi unqwenela ukukhumbuza uMzantsi
    Afrika ukuba bavotele urhulumente ngo-2024-ongayi kuvumela ubomi babantu bubesesichengeni. Usithi uxanduva lokuqinisekisa ukuba abantu abahluphekayo nababuthathaka abadli ukutya okuyinkohliso
    ukutya okunetyhefu kufanele kube yinto ephambili kuye nawuphi na urhulumente ogxile ebantwini.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks