Home Ezemidlalo Umdlalo wombhoxo wangoMgqibelo ubucalanye

    Umdlalo wombhoxo wangoMgqibelo ubucalanye

    Nangona iqela lombhoxo lase-Argentina libethwe labhulelwa amasaka nguMzantsi Afrika ngomgqibelo umhla wamashumi anabini(20) kweyeKhala eBloemfantain, kodwa umqeqeshi wayo uSimon Mannix ulincomile elityibela iqela lamabhokobhoko.

    iiBhokhwe zoMzantsi zibethe iiPumas zase-Argentina kule mpela veki siphuma kuyo ngamanqaku angamashumi amathandathu anesine kumanqaku angamashumi amabini ananye(64-21).

    Phantse wonke umdlalo izitsibabhokhwe bezinabadlali abalishumi elinesine(14) ebaleni emva kokukhutshwa kukaAndre Esterhuizen oyicentre ngekhadi elibomvu emva kokubetha kakubi umdlali weePumas uJose Lima.

    Kwakhona uMzantsi ubudlala ngabadlali abangaphelelanga ngethuba belishumi elinesithathu(13) emva kokuba abadlali ababini(2) uKurt-Lee Arendse nomfana ongene njengelalela uQuan Horn bephuma ngamakhadi amthubi. U-Arendse uphume xa kuzakuphela isiqingatha sokuqala somdlalo yena uHorn xa kuzakuphela isiqingatha sesibini(2) somdlalo.

    Nangona kunjalo Mannix uthi iqela lakhe lifunde lukhulu kuMzantsi Afrika lathatha amava lahamba nawo. USimon uthi ubaxelele abadlali bakhe ukuba nanjengoko ingumdlalo wakhe wesibini(2) lona ufuna bafundane bafunde ukuya phambili kwimidlalo elandelayo yonke loonto iyakuba nceda.

    By Siphiwo Boqwana

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks