UKhuphiswano lukaPretty Mqolweni lukhuthaza ukuzithemba kumagqiyazana aselula namabhongo.
UPretty Mqolweni, (25) ongumseki wokhuphiswano loonobuhle, uMiss Empower Mpuma Koloni ozinze eQonce ubambe umsitho woonobuhle ngomhla wamashumi amabini kweyeKhala ngo-2024 eMonti, uthi olu khuphiswano yinkqubo yokuxhotyiswa kwabasetyhini ethi ijolise ekukhuthazeni ulutsha ukuba luthathe indawo kwiindawo abahlala kuzo.
Ukhuphiswano loonobuhle obubanjelwe eMonti kutshanje ibiyimbali kwaye yenze umdla kubahlali baseMonti nakwimimandla eyingqongileyo. Abantu baye bawuncoma lo msitho kwaye banqwenela ukuba ungakhula ube mkhulu. Inenekazi ngalinye liphuma kwiidolophu ezahlukeneyo zeMpuma Koloni.
Ophumelele ukhuphiswano ngu-Anesipho Toti, waseCala ukanti ikumkanikazi ekwishumi elivisayo ngu-Onke Jayi, waseGcuwa.
UMiss Empower eMpuma Koloni ubenabagqatswa abalishumi elinesihlanu, abasusela kwiminyaka eli-15 ukuya kwengama-30, nabakwinqanaba likaTeen Queen kunye noMiss Title. Umgqatswa ophumeleleyo uphumelele i-R15 000 yemali aza kuyichitha nangayiphi na indlela athanda ngayo, kwaye abanye ababambe intshinga baphiwe iizipho zoonobuhle ezivela kwa-Base Beauty Bar.
UMiss Mqolweni uthi uhambo lokuqalisa ukhuphiswano loonobuhle kukho imicelimngeni ehenda umntu ukuba avele awuyeke adlulele phambili, kodwa ngenxa yenjongo yalo mnyhadala uqhubeleka nokunkqonkqoza.
Uqhube wathi angavuya kakhulu ukuba olu khuphiswano lunokufumana abaxhasi kurhulumente kunye namashishini abucala kuba ukuqhuba umsitho ololu hlobo kuyabiza.
“Ndingathanda ukuba amasebe afake imisitho elolu hlobo kuhlahlo lwabiwo-mali lwawo ukuze singazixakekisi ngokwethu sizama ukuhlangabezana neemfuno zemali zokhuphiswano. Sixhomekeke kakhulu ekuthengisweni kwamatikiti, kwaye ukuba amatikiti awathengwa, uphela ungena ematyaleni uzama ukuhlawulela iinkonzo ezinje ngabafoti, iiMC’s nokunye.
“Kulo nyaka kuphela apho usihlalo weCosatu yabasebenzi abatsha kwingingqi yaseMonti, uMnumzana Zama Mnyabiso wathi wasinika isandla kwiindleko zethu zokushicilela wasibonelela nangamanzi. Oko kuncede kakhulu ekunikezeni isidima kunye nokuthengisa umsitho. ”
Uthi unobangela wokuba asungule oonobuhle kuxa waabona ukunqongophala kophuhliso nokunqongophala kwezixhobo zoncedo kwindawo ahlala kuyo.
“Ukunqongophala kwamathuba kunye nesidingo sokukhutshwa kwamantombazana aselula ezitalatweni yaba yeyona nto indikhuthazayo kodwa ekuhambeni kwexesha ndaye ndafuna ukubabona kungekuphela nje kuMiss Empower kodwa nokuba kwindawo ezinkulu ezifana noMiss South Africa. Le nkqubo ikhuthaza ubunkokheli kwabasetyhini kwaye isebenzela ukwakha ubuhlobo bodade kuluntu oluhlala lubeka abafazi ngokuchaseneyo.”
UMqolweni uthi kule minyaka mihlanu izayo unethemba lokulenza olu khuphiswano kuzwelonke. Ukuze ingaquki iMpuma Koloni kuphela kodwa namanye amaphondo ali-9. Leyo yinto asebenza kuyo ngoku njengoko ethabathe amaphondo ama-4 ngaphezulu kulo nyaka.
