Home Ezolonwabo UMLAWULI WOMNYHADALA UCELA INKXASO KUBAXHASI

    UMLAWULI WOMNYHADALA UCELA INKXASO KUBAXHASI

    Umasipala waseBuffalo City akalisebenzisi ngokwaneleyo ithuba lokuba iintandane ezikhethekileyo, eziphum’izandla kwezokhenketho nakwezenkcubeko nobugcisa ukuba zixhaswe. Umtiza udalelwe ukunika abakhenkethi belizwe liphela ingakumbi ukuphucula nokuvelisa amathuba emisebenzi kuMaspala weBuffalo City

    Isizathu esitsha sokuvakashela umasipala ombaxa waseBuffalo city ukuze ukhenketho noqoqosho ziphuhliseke. Amatyeli amaninzi umfanekiso ngqondweni woosomashishini apachaphazelekayo kukuba xa uthetha ngomnyhadala (festival) kuthethwa ngolonwabo apho kukhala umculo kuselwa notywala. Loonto ivala amathuba okubona ncakasana ukuba ezokhenketho inkcubeko nezobugcisa zingadlala indima enkulu ekuphuhliseni isimo soqoqosho, intlala kahle eluntwini kwakunye nokulwa indlala nokunqaba kwemisebenzi ingakumbi kulutsha lwaseMpuma Kapa.

    “Sidinga ukuxhaswa ngu mphathiswa wezobugcisa nenkcubeko kunye nabaxhasi nentsebenziswano ecwangcisiweyo” utsho uPhaphama. Uyinabisa athi iMpuma kapa ingeyesibini ngobukhulu kutsha nje kuba umnyhadala wenza amathuba okuxhamla kubantu beezoqoqosho olungekho sikweni ngezitali, kwaye indlala indima enkulu kwicala loyilo nokusungula. Kukho imfuno enkulu esuka kumagcisa akumasipala wase Buffalo city ebalulekileyo yokufuna uphuhliso nokufikelela kwintengiso yamagcisa.

    Kuzanywa ukuncediswana naye umasipala, yiyo loonto kudingeka imali ezinzi. Abantu abanokunceda ngabantu abafana nomphathiswa wezenkcubeko nobugcisa nabanye abaninzi. Umtiza ngumzekelo omhle wentsebenziswano ka rhulumente wabucala.

    Abaququzeleli abayi Guild theatre, East London Museum, Anne art gallery bayasifaka isandla bexhaswa ngumasipala ne Harry’s printers kunye nebhunga lesiswe lobugcisa (National arts council). Abaphathiwa abafana no Zizi no De Lile yadadingeka ukuba fafake isandla kunye nabamashishini amancinci.

    Umtiza ungumnyhadala wesibini ngobukulu ephondweni, yiyo loonto sifuna kwiminyaka emihlanu ezayo kwube ngumnyhadala welizwe jikelele ukuze wonke umntu axhamle kwaye sigwebe indlala elutsheni. Ulutsha malushishine luyeke ukukhangela imisebenzi, malubonele kuMtiza lukhuthazeke. Kudingeka abantu abanezakhono kwelilizwe siphuhlise ubuchule ngokuncedwa nguMtiza olisebe elizimeleyo.

    uPhaphama akanguye umseki woMtiza, ungumlawuli womnyhadala onika ingxelo kwithiyetha yombutho kunye no-Anne Bryant kunye nemuziyam yase Monti.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks