Isithethi seNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe uThoko Didiza uqalise inkqubo yokumxosha uMongameli uCyril Ramaphosa, emva kwesigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko seveki ephelileyo malunga nomba wakuPhala Phala.
Kwingxelo ekhutshwe ngoMvulo umhla weshumi elinanye (11) kuCanzibe, ipalamente iqinisekisile ukuba uDidiza uchaze inkqubo eza kulandelwa yiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe ukuphumeza isigwebo senkundla ephakamileyo, esachitha uMthetho 129I wemithetho yeNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe njengongekho mthethweni kwaye ongasebenziyo.
INkundla yoMgaqo-siseko ikwatshintshe isigqibo sepalamente sangenyanga yoMnga ngomhla weshumi elinesithathu (13) ka- 2022 sokuthintela ingxelo yephaneli ezimeleyo yePhala Phala ekubeni iqhubeke nophando olusemthethweni lokumxosha.
Iphaneli, ekhokelwa yijaji eyintloko yangaphambili uSandile Ngcobo ifumanise ukuba kukho ubungqina bokuqala bokuba uRamaphosa usenokuba waphule umgaqo-siseko kwaye wenza ukuziphatha okubi ngokunxulumene nokubiwa kwemali yangaphandle kwifama yakhe yezilwanyana yasePhala Phala ngo-2020.
Ipalamente ithe inkundla ngoku isuse ngokufanelekileyo igunya leNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe lokumisa iinkqubo zokumxosha xa iphaneli ezimeleyo ifumene ubungqina obaneleyo bophando olongezelelekileyo.
Njengenxalenye yokuthobela isigwebo, uDidiza uza kuyibeka ngokusesikweni ingxelo yephaneli ezimeleyo phambi kweNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe aze anike uRamaphosa ikopi yengxelo.
Uza kuqalisa nenkqubo yokuseka ikomiti yokuxosha ngokwemigaqo yepalamente ukuze enze uphando olupheleleyo lwecandelo lama-89 malunga nokuziphatha kukamongameli.
“Isithethi siza kuyithumela ngokusesikweni ingxelo yephaneli ezimeleyo kwikomiti yokuxosha njengoko kuyalelwe yiNkundla yoMgaqo-siseko,” itsho ipalamente.
Inkundla ikwayalele ukuba “kufundwe” okwethutyana kuMthetho we-129I kulindelwe utshintsho olusemthethweni kwimithetho yePalamente. Ezo zilungiso ngoku ziza kucutshungulwa yikomiti encinci yeNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe malunga nokuphononongwa kwemithetho ngaphambi kokuba ithunyelwe kwikomiti yemithetho kwaye ekugqibeleni iNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe ukuze yamkelwe.
Ipalamente ithe uDidiza uza kumisela amaxesha, amalungiselelo enkqubo kunye nenkxaso yesikhungo efunekayo kwikomiti yokuxosha ukuze yenze umsebenzi wayo.
Isithethi sikwagxininise ukuba isigwebo sijongane ngqo neembopheleleko zomgaqo-siseko zepalamente kunye neenkqubo ezilawula ukuxosha phantsi kwecandelo lama-89 lomgaqo-siseko.
IPalamente ithe izimisele ukuthobela ngokupheleleyo isigqibo seNkundla yoMgaqo-siseko kunye nokuphumeza uxanduva lwayo lokongamela umgaqo-siseko ngokuhambelana nomthetho.
Iinkcukacha ezithe vetshe malunga nokwakhiwa kunye nenkqubo yekomiti yokugxotha kulindeleke ukuba zibhengezwe ngeenkqubo zepalamente kwiintsuku ezizayo.
I-TimesLIVE
