By Nyameka Lamani
Isithethi sika mongameli waseArgentina uthe izolo ngomhla weshumi elinesibini(12) kweyeNkanga ka 2025,uJavier Milei ongumongameli wakhona akazukuyizimasa ingqungquthela ye-G20 elapha eMzantsi Afrika ekupheleni kwale nyanga.
UBuenos Aires akazange achaze izizathu zokungabikho kukamongameli, kodwa uMilei wavakalisa ngokuphindaphindiweyo ukuhambiselana ne-United States kunye noMongameli uDonald Trump.
UTrump uthe kwiveki ephelileyo akazukuzimasa ingqungquthela okanye athumele nawaphi na amagosa kuyo.
Umongameli wase-US ubalule amabango abubuxoki abhengeziweyo okuba amaBhulu amhlophe “abulawa axhelwe” eMzantsi Afrika njengesizathu sokungazi kwindibano yamazwe angamashumi amabini(20) aphezulu kwezoqoqosho.
UMilei uza kuthumela umphathiswa wezangaphandle(Foreign Minister)uPablo Quirno endaweni yakhe kwingqungquthela yeeNkokeli ze-G20.
