Home Iindaba UMotshekga ucacisa indela amajoni ayi-13 oMzantsi Afrika abhubhe njani e-DRC.

    UMotshekga ucacisa indela amajoni ayi-13 oMzantsi Afrika abhubhe njani e-DRC.

    Amalungu amathathu oMkhosi woKhuseleko lweSizwe soMzantsi Afrika (SANDF) asweleke ngoMvulo aphulukene nobomi bawo emva kokubanjwa kungquzulwano phakathi komkhosi wase-Democratic Republic of Congo kunye nabavukeli be-M23 kumbindi wengingqi yaseGoma, apho ungquzulwano lusube imiphefumlo yamajoni alishumi elinesithathu (13) oMzantsi Afrika.

    Umfanekiso: UMphathiswa wezoKhuselo kunye namagqala omkhosi uAngie Motshekga udityaniswe ngumphathiswa wezobudlelwane bamazwe ngamazwe nentsebenziswano uRonald Lamola kunye nosekela mphathiswa wezokhuselo namagqala omkhosi uNjengele Bantu Holomisa enika ingcaciso koonondaba. Umfanekiso: Freddy Mavunda

    Amalungu amathathu oMkhosi woKhuseleko lweSizwe soMzantsi Afrika (SANDF) asweleke ngoMvulo aphulukene nobomi bawo emva kokubanjwa kungquzulwano phakathi komkhosi wase-Democratic Republic of Congo kunye nabavukeli be-M23 kumbindi wengingqi yaseGoma, apho ungquzulwano lusube imiphefumlo yamajoni alishumi elinesithathu (13) oMzantsi Afrika.

    Iinkcukacha ezipheleleyo malunga nendlela asweleke ngayo la majoni zivele ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyoMqungu 2025, ngethuba ebethetha nonondaba uMphathiswa wezoKhuselo uAngie Motshekga uthe urhulumente ubeka esweni le meko qho kwiiyure ezimbini ukuze ahlole ukuba akukho naziphi na iindlela zokungenelela eziyimfuneko.

    Uhlaselo lwangoMvulo lwandulelwe kukubulawa kwamalungu alithoba e-SANDF ebesilwa nabavukeli be-M23 ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

    “Ngelishwa imikhosi yase-DRC ibisilwa nomkhosi waseRwanda, nto leyo ekhokelele ekuphulukaneni namajoni ethu amathathu, kuye kwanyanzeleka ukuba sinxibelelane ngoko nangoko ne-M23, sicacisa ukuba asiyonxalenye yedabi, oku kwakhokelela ekubeni sibe nesivumelwano baphakamise iflegi emhlophe ukubonisa ukungathathi cala kwethu kwaye sivumele i-M23 indlela ekhuselekileyo yokubuyisela abantu abangasekhoyo,” utshilo.

    “Ukuze kucace, asizange sinikezele … ukunikezela kuya kufuna ukuba sinikele ingxelo ngokusesikweni kwi-UNESCO (United Nations Educational, Scientific and Cultural Organization) kwaye sinikezele ngezixhobo zethu. Iflegi emhlophe yayiyeyenjongo yokunceda abantu kuphela, iqinisekisa indlela ekhuselekileyo yokubuyisela umfi kunye nokubonisa ukuba asiyonxalenye neli dabi.”

    Ngokutsho kukasekela mphathiswa wezokhuselo uBantu Holomisa, amajoni oMzantsi Afrika ashiyeke ejongene nobushushu obupheleleyo bemfazwe emva kokuba amahlakani awo asuka eDRC naseBurundi erhoxa, ebashiya besengozini.

    “Kuyacaca ukuba imikhosi yethu iye yathotywa yeminye imikhosi kulo mmandla. Umkhosi waseCongo wanikezela, kwaye umkhosi waseBurundi – ebekufanele ukuba ugqume elinye icala – nayo warhoxa. Loo nto yabangela ukuba amajoni ethu oMzantsi Afrika ayekwe elubala aze aphele ehlaselwa. Nangona kunjalo, impendulo yabo yakhawuleza, kwaye basabela ngesantya esimangalisayo, ”utshilo.

    Iindaba zokubulawa kwamajoni oMzantsi Afrika e-DRC zivuse umsindo nanjengoko abemi kunye namaqela aphikisayo befuna iimpendulo malunga neemeko zalapho, abanye besithi makurhoxe umbutho wokugcina uxolo okhokelwa yiUN. Ukusweleka kwamajoni kuye kwandisa inkxalabo malunga nokungafumani nkxaso-mali kwe-SANDF kunye nokulungela kwayo, ngeengcebiso zokuba amajoni awaxhotyiswanga.

    I-EFF ithe ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, lo mbutho sele ufumene iingxelo zokuba i-SANDF iphelelwe ziimbumbulu.

    Nangona kunjalo, uMotshekga izolo uthe akakhange axelelwe ngalo ngxelo.

    “Ngosuku lokuqala, umphathi-mkhosi wandixelela ukuba balwe ubusuku bonke. Ekuqaleni, umkhosi wethu wathunyelwa ukuze agcine uxolo, kodwa ukubanjwa kweso sidubedube kwakufuna izixhobo ezingakumbi.

    “Ndikhe ndeva kusithiwa amajoni ethu aphelelwe kukutya… akuyonyani oku, ndithe xa ndityelele iziko lethu eliseGoma, akukho nenye injengele eyandixelela ukuba iphelelwe kukutya nobubunzulu bemeko,” utshilo.

    Imfazwe yase-DRC iphakathi kwamajoni ase-Congo ngokuchasene nabavukeli be-M23 abaxhaswa yimikhosi yase-Rwanda. I-SANDF yinxalenye yeqela lemikhosi emalunga neshumi (10) yokugcina uxolo evela kumazwe ahlukeneyo.

    Umongameli uCyril Ramaphosa uthe ukudubula abagcini boxolo kusenokuba lulwaphulo-mthetho lwemfazwe. Uqhube wathi urhulumente ukwiphulo lokubuyisela ekhaya imizimba elishumi elinesithathu yamajoni oMzantsi Afrika.

    UMotshekga uthe uRamaphosa kunye nezinye iinkokeli zengingqi zisebenzela ukuhlanganisa onke amaqela achaphazelekayo-iRwanda, i-Angola, iTanzania kunye namazwe angabamelwane-kunye ukusombulula le ngxaki ngeendlela zozakuzo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks