UMphathiswa weMfundo esiSiseko uAngie Motshekga ulumkise ngelithi akuzubakho nceba kwabo bafundi bakopayo.
Abafundi bebanga leshumi abaphuma kwizikolo zelizwe lonke baza kubhala iphepha labo lolwimi lokuqala namhlanje.
ISebe leMfundo esiSiseko lithi zonke iimviwo zeBanga le-12 ziqala ngale ntsasa.
Isithethi sesebe lezemfundo esiseko uElijah Mhlanga uthi bamisele amanyathelo okhuseleko ukulwa nokuvuza kwephepha.
“Into esiye sadibana nayo ngabantu abazama ukukopa esikolweni xa bevula amaphepha emibuzo kwangethuba kunokuba befuneka. Senze abantu batyikitya izifungo zokuzibophelela kuviwo olungenaziphene.”
“Le yimiba enento yokwenza nokuziphatha kwabantu. Sihlala sikhumbuza abantu ngezinto ekufuneka bezenzile nabangafanele bazenze, kodwa bahlala beyenza. Kwezo meko [zokuba] sibabambe, siya kubohlwaya. Ke kufuneka sibakhumbuze ukuba mabangakhe bazame kuba siyabafumana [kwaye] bazakuhlawula ixabiso,” wongeza uMhlanga.
Ngeli xesha, uMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli uKhumbudzo Ntshavheni uthe urhulumente uzithembile kumsebenzi owenziweyo wokulungiselela iimviwo zokugqibela zabafundi beBanga le-12.
Unqwenelele iklasi ka-2023 konke okuhle.
“Nanjengoko siyinqwenelela impumelelo iKlasi ka-2023, sithatha eli thuba ukubakhumbuza ukuba kukuzimisela nokusebenza nzima okuza kuvelisa iziphumo ezincumisayo. Urhulumente uhlaba ikhwelo kubazali, abagcini babantwana, noluntu luphela, ukuba babaxhase aba bafundi njengoko bevavanyelwa ukuba babe ziinkokeli zexesha elizayo kunye nabathathi-nxaxheba abanempembelelo eluntwini.”
