Home Iindaba Umphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uthumele amazwi ovelwano kusapho lakwaNgema.

Umphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uthumele amazwi ovelwano kusapho lakwaNgema.

Umphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha uthumele amazwi ovelwano kusapho lakwaNgema kulandela ukubhubha kwakhe kuhola wendlela uR61 eBizana.

Isithethi sephondo u-Unathi Binqose uthi eli gqala belihamba ngemoto yohlobo lwe-sedan elisingise ePort Edward nabanye abantu ababini ngethuba lingquzulana nelori eqinileyo ebihamba kwelinye icala ibinabantu ababini.

Bobabini abakhweli belori abakhange bonzakale, logama bobathathu abebekhwele kwisedan bonzakele kakhulu, kwaye uNgema ubhubhe ekufikeni kwakhe kwisibhedlele iOR and Adelaide Tambo Memorial eMbizana.

UBinqose uthi kuphandwa ityala lokubulala ngokungenanjongo.

“Umntu obhubhileyo kule ngozi, njengoko kubhengezwe lusapho lwakhe kwingxelo yeendaba, ligqala loMzantsi Afrika netshantliziyo elichasene nocalucalulo uMnu Mbongeni Ngema. Isebe lezoThutho, ngomlomo kaMphathiswa, Xolile Nqatha, lidlulisa amazwi ovelwano kusapho lakwaNgema logama linqwenelela aba bantu babini kwesi sibhedlele ukuba baphile ngokukhawuleza nangokupheleleyo.”

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks