Home Iindaba Umphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu uNks Lindiwe Zulu uzokujonga uzokuhlola kumonakalo owenziwe zizantyalantyala...

    Umphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu uNks Lindiwe Zulu uzokujonga uzokuhlola kumonakalo owenziwe zizantyalantyala zeMvula kwiilokishi zaseMonti namhlanje.

    UMphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu, uNksz Lindiwe Zulu namhlanje umhla weshumi elinanye kwinyanga kaJanuary uza kutyelela iindawo ezithile zikaMasipala waseBuffalo City apho izantyalantyala zemvula zakutsha nje zishiye umonakalo wokutshabalalisa kweendawo ezininzi kuquka imizi yabantu, kunye nelahleko elusizi yabantu.

    Injongo yotyelelo lukaMphathiswa uZulu kukuhlola umonakalo ngokwakhe kunye nokusebenzisana nabo bonke abathathi nxaxheba kule nyewe. ukuqinisekisa nokuba uluntu olu chaphazelekileyo eMdantsane naseDuncan Village, nezinye iindawo ezithwaxwe kanobom, zifumana lonke uncedo oluyimfuneko. Kolu tyelelo, uMphathiswa uzakube ekunye noMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu, uNksz Siphokazi Lusithi kunye neenkokheli zoomasipala. Emva kolu tyelelo, uMphathiswa uZulu kunye noMphathiswa uLusithi baza kuqhuba udliwano ndlebe nonoondaba kwindawo ekhoyo malunga namanyathelo okunceda uluntu olukhoyo ngoku nakwixesha elizayo kuluntu oluchaphazelekayo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks