By Buhle Nomgalasa.
UMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu uThembi Simelane ngoLwesibini uza kutyelela iindawo ezithwaxwe zizikhukula kwiphondo leMpuma Koloni.
Ngokwengxelo zephepha ndaba iEye Witness News, umphathiswa uza kuvavanya umsebenzi owenziweyo ukunceda amaxhoba ezikhukula. Kwiveki ephelileyo, izandyondyo zemvula kwakunye nomoya obhudla ngamandla zihlasele eli phondo, nto leyo ebangele umonakalo omkhulu kwiindawo ezikufutshane noMthatha. Kutyelelo lwakhe lweentsuku ezintathu, uSimelane uza kudibana neenkokeli zephondo nezomasipala ukuze baxoxe ngempendulo eyimfuneko, ungenelelo kunye nomsebenzi osele wenziwe ukunceda amaxhoba ezikhukula.
Ngokwengxelo zakutsha nje eziphuma kurhulumente wephondo, inani labantu ababhubhileyo linyuke laya kutsho kumashumi asithoba (90), kujongwe imizimba emalunga namashumi asibhozo (80), nemizimba ethe yakhutshwa isiya kwiintsapho.
Phantse amakhaya angamawaka amathathu (3,000) aye achaphazeleka, kwaye angaphezulu kwewaka (1,000) amakhaya kunye nezakhiwo eziye zatshatyalaliswa zizikhukula.
Isithethi somphathiswa, uTsekiso Machike, uthi isebe lizakubanika indawo yokuhlala abo balahlekelwe ngamakhaya.
“Ngexesha leentlekele, isebe lokuhlaliswa koluntu lingancedisana namaxhoba ngokubabonelela ngendawo yokuhlala yethutyana, izixhobo zokwakha, iindawo zokuhlala ezingxamisekileyo zethutyana kwanokulungiswa kwazo,” uthethe watsho uMachike.