13 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

UMqeqeshi weSundowns uRhulani Mokwena ulishiyile eliqela

Kuvakala ukuba ubudlelwane obe buphakathi kukaMokwena kunye noMlawuli wezeMidlalo kwiSundowns uFlemming Berg bukhokelele ekubeni uMokwena akhethe ukurhoxa kwinkontraka yakhe yeminyaka emine.

“UMongameli ubuze uMokwena ukuba angenza ntoni xa enokujamelana nale meko waza uMokwena wathi unokukhetha ukuzigxotha,” utshilo umthombo.

Umdlali weli qela ukwaqinisekisile ukuba uMokwena akasekho kweliqela, esithi uSihlalo weqela uTlhopie Motsepe wenze isibhengezo kubadlali ngale ntsasa, ekho noMlawuli wezeMidlalo uFlemming Berg.

“Kulilishwa. USihlalo uHlopie usixelele kwindibano kusasanje ukuba umqeqeshi uyahamba. Umqeqeshi naye usixelele ukuba uyahamba. Akonwabanga kuba uthi abammameli xa kusiyiwa kubadlali ekufuneka bahlale, nabo kufuneka bangene kweliqela,” utshilo umdlali okhethe ukungachazwa.

Omnye umthombo ukwangqinile ukuba uMokwena umnkile.

“Kugqityiwe Into ekuxoxwa ngayo ngoku kukulungiswa. USihlalo usixelele ukuba masingothuki ngoba kuza kufika umqeqeshi omtsha njengoko umqeqeshi uRhulani emnkile,”

UMokwena uhamba nomqeqeshi uMichael Loftman kunye nomhlalutyi uDayle Solomons.

UMokwena uphumelele intshinga ezine kwiSundowns, ezimbini njengomqeqeshi noManqoba Mngqithi, nezimbini njengomqeqeshi oyintloko.

Uphinde wawongwa njengomqeqeshi wePSL wesizini izihlandlo ezibini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
13 ° C
13 °
13 °
68 %
4.1kmh
72 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks