Umtyholwa oneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) ubudala wakwilali yaseMaya, eCofimvaba, uza kuvela phambi kweNkundla kaMantyi yaseKomani ngezityholo zokuba nompu ongenalayisenisi kunye neembumbulu. Umtyholwa wabanjwa ngamalungu akwiKomani Flying Squad, iDog Unit (K9) kunye neCrime Intelligence ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala ngexesha lomsebenzi oqhutywa bubukrelekrele.
Kuthiwa malunga nentsimbi yeshumi elinambini (12:00) emini emaqanda ngolomhla, kwafunyanwa ulwazi malunga nomtyholwa owayesiya eKomani esuka kwindawo yakhe eCofimvaba kwaye ephethe umpu. Kwaxelwa ngakumbi ukuba uluntu lwaluhlala lusoyika njengoko umtyholwa kuthiwa wayedubula ngokungacwangciswanga kwindawo yabo.
Umsebenzi wobukrelekrele oqhutywa ngamacandelo amaninzi waqaliswa, nto leyo eyakhokelela ekubanjweni kwakhe ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala. Emva kokumkhangela, wafunyanwa ephethe umpu ongenalayisenisi kunye neembumbulu.
Iqela elidibeneyo laqhubeka nomrhanelwa ukuya ekhayeni lakhe, apho, emva kokukhangela indawo, bathabatha omnye umpu, iTaurus, kunye neembumbulu. Zombini ezi zibhamu zathathwa njengemiboniso kwaye ziya kuphandwa ngakumbi ukuze kuqinisekiswe ukuba zinxulumene na nemisebenzi yolwaphulo-mthetho yangaphambili.
Umrhanelwa uza kuvela okokuqala phambi kweNkundla kaMantyi yaseKomani ngoLwesine, umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kulenyanga.
UKhomishinala weSithili, uMajor General Rudolph Adolph, uncome iqela elidibeneyo ngempendulo yalo ekhawulezileyo, evelise iziphumo ezilungileyo.
