Home Iindaba Umrhanelwa uzinikele kwabakwasidlodlo emva kokubulala umtshana wakhe ngesibhamu esibiweyo “ngengozi”

Umrhanelwa uzinikele kwabakwasidlodlo emva kokubulala umtshana wakhe ngesibhamu esibiweyo “ngengozi”

Indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala ethi ibulele umtshana wayo ngempazamo ngesibhamu esibiweyo izinikezele emapoliseni kule veki.

Isithethi samapolisa uKapteni uSandra Janse van Rensburg uthi umpu webiwe ngexesha lokubiwa kwemoto eMotherwell ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeKhala.

Uthi umqhubi wemoto wayexakekile esebenza eNU1 xa wafikelwa ngamadoda amabini angaziwayo amsongela ngompu, efuna izitshixo zeSuzuki yakhe emhlophe.

UJanse van Rensburg uthi umnini wemoto wayene-revolver kunye nelaptop emotweni yakhe.

Uthi ngobusuku obulandelayo amapolisa aphendule kwisikhalazo sokudubula eNU4 apho afumene khona iseti yezitshixo zemoto kunye ne-revolver kwindawo.

Owasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ubudala wayesele ethuthelwe esibhedlele apho kamva wasweleka ngenxa yokwenzakala kwakhe.

UJanse van Rensburg uthi ngelixa amapolisa ayesicubungula indawo yesiganeko, axelelwa ukuba umrhanelwa uzinikele, esithi umpu uqhumile ngelixa wayewuphatha.

Kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseMotherwell ngoLwesihlanu umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeKhala ngetyala lokubulala, ukuphanga imoto, nokuba nompu neembumbulu ngokungekho mthethweni.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks