Home Iindaba UMrhanelwa wasetyhini Oneminyaka Engama-39 Ubanjiwe Ngokutyholwa Ngokuhlaba Omnye elinye inina lahlanza iselwa

UMrhanelwa wasetyhini Oneminyaka Engama-39 Ubanjiwe Ngokutyholwa Ngokuhlaba Omnye elinye inina lahlanza iselwa

IKomishinala yeSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, ugxeke ukuhlatywa kubulawe owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala okutyholwa ukuba kwenziwe lelinye inina elineminyaka engamashumi amathathu anesithoba (39) ubudala, emva kwengxabano yonxantathu wothando kwilokishi yaseNgangelizwe, eMthatha ngoLwesibini, umhla wesibinu (02) kweyeSilimela 2026, malunga nentsimbi yeshumi elinanye (23:00) ebusuku.

Kutyholwa ukuba umfi kunye nomrhanelwa, bobabini ngabaqeshi kwindawo enye kwisitalato iGcolotela eNgangelizwe, babandakanyeka kwingxabano. Ingxabano yavela ngenxa yezityholo zokuba isoka lomrhanelwa lalithandana nomfi. Ngexesha lengxabano, umrhanelwa kuthiwa ukhuphe imela waza wahlaba ixhoba izihlandlo ezininzi emzimbeni ongaphezulu. Ixhoba libhube ngenxa yokwenzakala kwalo kwindawo yesiganeko.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesithoba (39) ubudala ubanjwe ngoLwesithathu, umhla wesithathu (3) kweyeSilimela, kwaye kulindeleke ukuba avele phambi kweNkundla kaMantyi yaseMthatha ngoLwesine, umhla wesisine (-4 ) kweyeSilimela, ngetyala lokubulala.

“Abantu mabafunde ukusombulula iingxaki zabo ngeendlela zoxolo, njengoko ubundlobongela bungesosisombululo,” utshilo uMajor General Modishana, egxeka ulwaphulo-mthetho ngamandla.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks