Home Iindaba UMSEBENZI WAMAPOLISA KWISITHILI ISARA BAARTMAN UBUYE NEZIPHUMO EZINCOMEKAYO.

UMSEBENZI WAMAPOLISA KWISITHILI ISARA BAARTMAN UBUYE NEZIPHUMO EZINCOMEKAYO.

Kule mpelaveki iphelileyo amapolisa aqalise umsebenzi wokugqogqa ophezulu kwiZikhululo ezohlukeneyo (iGraaff Reinet, iAddo, iThornhill neCookhouse) kwiSithili saseSarah Baartman kwaye babuye neziphumo ezintle njengoko ubuncinane bemipu emithathu engagunyaziswanga isusiwe kubaphuli-mthetho.

Amapolisa ebephakathi kwezingingqi ehamba ngenyawo kugqogqwa kwiindawo zezikrelemnqa, bakwazile ukubamba abarhanelwa abalishumi elinesithathu (13) abaphakathi kweminyaka elishumi elinesithandathu (16) nengamashumi amahlanu nesibini (52) ngenxa yobugebenga obususela ekufumaneni iziyobisi, ukuba nemipu ngaphandle kwempepha-mvume, iimbumbulu, ukuphanga ishishini nokuba nempahla ekurhaneleka ukuba ibiwe.

Izixhobo eziyingozi kunye neziyobisi (mandrax,Tik) ezinexabiso lesitrato elingaphezu kwe-R70 000.00 zithinjwe njengenxalenye yothintelo lolwaphulo-mthetho. Ngexesha lolu phulo, amapolisa afumana ubuncinane bemipu emithathu (3) engenaphepha-mvume kunye neembumbulu

Aba barhanelwa bazakuvela kwiinkundla zikaMantyi ezohlukeneyo ngomso, umhla wamashumi amabini nesibini (22/07).

UMkomishinala weSithili saseSarah Baartman uMajor General Zolani Xawuka uwaqhwabele izandla amalungu akhe ngokuzinikela kwawo ekuqinisekiseni ukuba abemi bethu bakhuselekile.

“Siza kuqhubeka sisenza imisebenzi kwaye sisuse imipu engenalayisenisi kunye neziyobisi ezitratweni,” wongeze watsho.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks