Home Ezolonwabo Umthi ugotywabuselula! Mr & Miss Wilsonia

    Umthi ugotywabuselula! Mr & Miss Wilsonia

    Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, uMphathi okanye umnikazi wesebe lezeMpilo labucala lasekuhlaleni(clinic) yaseUnjani umama Nobomi Nini ekunye nesigqeba sakhe, bebebambe umsitho wonobuhle eSenary Park

    Lomsitho nobizwa Mr & Miss Wilsonia ubusenziwa ukuqokelela abantwana, nokubakhuthaza ukuba bangangeni kwiziyolo zomhlaba nezinokuba yingozi ebomini babo ezifana notywala neziyobisi. Ukanti eliphulo lizama ukuncedisana nezakhono abantwana abanazo ukuba ziphuhle, kwaye babebako ukuzithemba, bakwazo nokuthetha.

    IUNJANI CLINIC esebenza njengenye yeziko eliphantsi kwe-Isisombululo Solutions eyavulwa ngonyaka ka2019 kwilokoshi yaseDice iliziko labucala nelincede abantu abaninzi eReeston.

    Nobom Nini iqhube lomisitho esekelwa luluntu lwengingqi nanjengoko elilungu elikhutheleyo ekuncediseni ngophuhliso kunye nemfundo yobantwana.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks