Home Iindaba Umtyholwa obesele eqhashile ngesenzo sodlwengulo uvelile ekudleni emva kweeminyaka.

Umtyholwa obesele eqhashile ngesenzo sodlwengulo uvelile ekudleni emva kweeminyaka.

IXhoba lodlwengulo lifumene ithuba lokuzithethela ekundleni yamatyala emva kweminyaka engapha kweshumi.

Umfanekiso: Umtyholwa uMoses Gqesha.

By Lilitha Phenduka.

Ngokwengxelo yeendaba zikanomathotholo i-Algoa FM, uKawa uyewazithethela kwityala lolwaphulo-mthetho ngoLwesibini umhla wesine (04) kule yeNkwindla 2025, eGqeberha emva kweminyaka elishumi elinesine (14) lokudlwengulwa ngaseKings Beach ngomhla wethoba (9) kwinyanga yoMnga ka-2010 ediza ngendlela wayecela uThixo ukuba awufumane umphefumlo wakhe, ngelixa umsolwa ebeke imela emqaleni, yaye eziva esoyika engazi nokuba wayeza kusinda kusini na.

Umdlwenguli wakhe, uMoses Gqesha, waliphika ityala lokumdlwengula kwakunye nezityholo zokuxhwila, ubusela, kunye nokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa.

Kutyholwa ukuba wadlwengula uKawa ephinda-phinda kwiiyure ezilishumi elinesithandathu (16) emvingcele. UKawa ungqinile ukuba ebeseGqeberha emva kokundwendwela indawo yezempilo ePort Alfred. Inqwelomoya yakhe ebuyela eRhawutini yayiza kunduluka ngentsimbi yesihlanu (5 ) emalanga.

Ngelixa esedolophini, uKawa wayenenjongo yokuchitha iiyure ezimbalwa nabazali bakhe ngaphambi kokuba anduluke. Kuhambo lwakhe lokubuyela eNew Brighton esuka eSummerstrand, uKawa wagqiba ekubeni amise eKings Beach.

Udize ukuba ulandele indlela eya ngaselunxwemeni waze wabona indoda emnyama malunga nemizuzu elishumi ekuhambeni (10) kwakhe. Ngokutsho kukaKawa, le ndoda yayinxibe umnqwazi wamabhinqa opinki namhlophe. Wachaza ukuziva engakhululekanga kwaye ekhumbula ehamba ngokukhawuleza.

UKawa uthe xa ejika ejonga apho kukho khona le ndoda, wayibona ibaleka isiza ngakuye, uthe naye waqalisa ukubaleka. Ngequbuliso, wabanjwa ngasemva ngomva wehempe yakhe. Lo kaKawa uthi umtyholwa ebejongise imela esifubeni sakhe, ze wamxelela ukuba angamlwisi okanye akhwaze kungenjalo uya kumbulala. UKawa uxelele inkundla ukuba wayenovalo, enomothuko.

Ukwaxelele inkundla ukuba umhlaseli wakhe wathatha umsesane wakhe wedayimani, umnxeba, izitshixo zemoto kunye needimasi zelanga. Ungqinile ukuba uzamile uphuncuka kodwa wambetha ngamanqindi ebusweni ngumtyholwa ze wamcinezela ngemela emqaleni.

Ngokobungqina bakhe, uye wanyanzeleka ukuba akhulule kwaye evalwe amehlo mba ngehempe yakhe. Oku kukhokelele kudlwengulo oluphindaphindiweyo kwisithuba seeyure ezili-15 ukuya kwezili-16. Njengoko kwakurhatyela, uKawa uthe umdlwenguli wakhe wambuza ukuba kutheni ehamba yedwa elwandle. UKawa uxelele inkundla ukuba wamxelela ukuba wayehamba yedwa ecinga ngomyeni wakhe owasweleka kwiiveki ezimbini ezidlulileyo ngenxa yesifo sikaGawulayo, ibali elingeyonyani elenziwe nguKawa ngethemba lokuba liya kumngcungcuthekisa umtyholwa kodwa akwenzeka .

Ngesinye isihlandlo naye wavuma ukuba yintombi yakhe xa ebuzwa njengoko kwakufuneka ukuba asindise ubomi bakhe.

Phambi kwetyala, uGqesha uvume ityala elinye lobusela apho, weba umtshini wengca eNewton Park ngo-2020. Oku kubanjwa kubangele ukuba isampuli yakhe ye-DNA ithathwe njengenxalenye yophando. Isampuli ye-DNA kamva yabonakala ifana nesampuli yomdlwenguli kaKawa.

Ityala liyaqhubeka.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks