Home Iindaba UNdevu uphinde watyhola onke amangqina ombuso ngokuxoka, esithi uMtshutshisi woMbuso uTango Pangalele...

UNdevu uphinde watyhola onke amangqina ombuso ngokuxoka, esithi uMtshutshisi woMbuso uTango Pangalele unokuba ngunobangela wobu buxoki.

Omnye wabanini be tavern yase-Enyobeni uthathe igxathu kwinkundla kamantyi waseMonti ephika ukuba ulutsha olungamashumi amabini ananye olubhubhele kwithaveni yaseScenery Park kwinyanga yeSilimela kwinyanga ephelileyo, bathenga utywala kweli ziko.

USiyakhangela Ndevu ukhwele emkhumbini kulenkundla emva kokuba uMantyi uKevin von Bratt esikhabile isicelo sokuba arhoxiswe amatyala abekwe wona nenkosikazi yakhe uVuyokazi.

Esi sibini sijongene namatyala amabini okutyeshela iLiquor Act kwaye singaphandle ngebheyile sithetha nje.
Intlekele eyenzeka kwithaveni yaseScenery Park ngoSuku loLutsha ngo-2022 yaba ngundaba-mlonyeni kwihlabathi jikelele xa kwabhubha abantu abatsha abangama-21 ngethuba bezimase itheko lokuzihlaziya.
Kubungqina bakhe, uSiyakhangela Ndevu, uthi olu lutsha lufike linxilile baze batyhalana bayokungena kule thaveni.

Ukwaphikisana nobungqina bombhexeshi wakhe ocele uncedo olongezelelekileyo njengoko amakhulu-khulu abaxhasi beminyaka engaphantsi betyhalela ukungena kwithaveni esele ixinene.

UNdevu uphinde watyhola onke amangqina ombuso ngokuxoka, esithi uMtshutshisi woMbuso uTango Pangalele unokuba ngunobangela wobu buxoki.

Oyena nobangela wokubhubha kwaba bancinci abangama-21 awukachazwa.

Ityala liyaqhubeka ngoLwesithathu

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks