UNqatha ugxeke ukudutyulwa kwamapolisa amabini eMthatha

UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha ugxeke kakhulu uhlaselo olunoburhalarhume lwamapolisa amabini eNew Brighton eNgangelizwe ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anesibini (22) kuTshazimpunzi.
Oku kulandela isiganeko apho ipolisa eliyindoda kunye nepolisa lasegoqweni badutyulwe ngelixa behleli kwiveni emhlophe yohlobo lwe-Isuzu ngaphandle kwekhaya lepolisa elilinina eNew Brighton eMthatha. La mapolisa mabini ayebuya emsebenzini. Ngokwengxelo yenkonzo yesipolisa, iVolkswagen Polo emhlophe ibonwe ipakwe kufutshane nendawo malunga neeyure ezimbini ngaphambi kohlaselo. Amadoda amabini aphuma kwiPolo, asondela kwi-Isuzu, aza adubula omabini amapolisa amatyeli amaninzi.

Abarhanelwa emva koko babaleka ngePolo besiya kwindlela enkulu i-R61 besingise kwicala lasePort St. John’s.

Ipolisa elingasekhoyo lifumene amanxeba okudutyulwa emzimbeni nasentloko waza wasweleka kwindawo yesiganeko. Ipolisa elonzakeleyo, elikwazileyo ukubiza uncedo nangona
lonzakele, libalekiselwe esibhedlele ligosa eliphendulileyo kwaye lisekwimeko embi kakhulu.

UMphathiswa uNqatha ukhuphe isilumkiso esiqinileyo kubaphuli-mthetho sokuba izenzo ezinjalo zobundlongondlongo aziyi kunyanyezelwa.
“Olu hlobo lokuziphatha luhlaselo lobugwala kurhulumente, olujoliswe
ukoyikisa amapolisa ethu nokuzama ukubathintela ekwenzeni imisebenzi yawo. Njengamalungu eqela le-JCPS, sisebenza nzima ukuchonga
nokubamba abenzi bobubi.”

Ukanti uMphathiswa uNqatha udlulise amazwi akhe ovelwano olusuka entliziyweni kusapho lwegosa elingasekhoyo kwaye unqwenelela igosa elonzakeleyo ukuchacha ngokukhawuleza.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
13.1 ° C
13.1 °
13.1 °
74 %
4.2kmh
57 %
Fri
26 °
Sat
31 °
Sun
33 °
Mon
18 °
Tue
12 °

EZITHANDWAYO INDABA