Home Ezemfundo UNSFAS akanangxaki, utsho uBlade Nzimande

    UNSFAS akanangxaki, utsho uBlade Nzimande

    Umphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho uBlade Nzimande uthi akukho ngxaki kwiNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS).

    Ethetha noonondaba ngophuhliso lwale Arhente ngolwesibini, uMphathiswa uthi le ngxowa-mali yeyona arhente inkulu exhasa abafundi e-Afrika. Uthi iNSFAS sisicwangciso esisodwa kwihlabathi kuba ibonelela abafundi ngemali ngokupheleleyo kwizifundo zabo, uhambo, indawo yokuhlala, kunye nokukhathalela umntu ngamnye.

    UNzimande ukuvumile oko akubize njengeempazamo ezincinci. Esithi kusenokuba leArhente inengxaki apha naphaya kodwa ayikho sengxakini. UNzimande uthi ngenene bajike isantya kwinkxaso-mali yabafundi ngenxa yezi zizathu.

    Nangona kunjalo uthi into ayibize ngokuba ngabagxeki babo ifuna ukunyelisa urhulumente ukhokelwa yiANC.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks