Home Ezolonwabo UQHUBE NGEMPUMELELO UMSITHO WE EASTERN CAPE HUSTLERS AWARDS

    UQHUBE NGEMPUMELELO UMSITHO WE EASTERN CAPE HUSTLERS AWARDS

    Uqhube ngempumelelo umsitho wokuwongwa kwabantu abasakhasayo kwiphondo leMpuma Koloni kwiTalente ezohlukeneyo nekuquka kuzo Umculo nolonwabo, amashishini amancinci, kwezemidlalo nenkcubeko nezinye nobubanjwe ngomhla wokuqala kwinyanga kaApril 2023 eOrient Theatre eMonti.

    Lomsitho ibingowokuqala ngqa ezimbalini nalapho ubusenzelwa ukuncedisana nolutsha olusakhasayo lweliphondo ukuze baveza izakhono zabo.

    ULisa Zono nongumsunguli weEC Hustlers Awards uthi oku ukwenze ngentliziyo ekhululekileyo nenothando, noxa ebekhona amaginxi- ginxi kodwa enze wanempumelelo lomsebenzi, uthi lomyadala wezimbasa ukhuthaza abo basakhangela isitya ebumnyameni ukuba bangade bazincame iitalente zabo

    LokaZono uqhube wathi “andifuni ukuba bade bangene kwiziyobisi okanye bazigqithise amafu kuba uncedo lungade lufike de batyhafe””. Uthi ukuququzelela lomsitho ibingeyondlwane iyanetha kuba ebeqala ukusingatha umsitho ubumkhulu ngoluhlobo.

    Ukanti uInako Mateza noneminyaka elishumi elinesixhenxe ubudala nongumsunguli weInako Mateza Foundation uphumelele iimbasa ezimbini iEC Hustler Award kunye neye Community Builders, lombutho iIMF ngamafuphi ufundisa ngamasiko kunye nezithethe nokunye okunintsi.

    Abo bagoduke nembasa zalonyaka ngokwehlukana kweCategories baquka:

    Eastern Cape Hustler of the year: Inako Mateza

    Community Builders: Inako Mateza Foundation

    Sports and Recreation: Mr Mbesele Zinzile

    Hospitality and Tourism: Lumoz Cakes

    Agriculture: Gedlumhlanga Youth Co-Op famers

    Small Business: Maji Tech

    Clothing and Textiles: Ushukela

    Hair & Beauty: Amanda Siyo

    Media and Journalism: Bongani Khuzani

    Music & Entertainment: Throwhit

    Lomsitho uvalwe ngomyadala iEC Hustlers Award Festival nalapho bekukho abaculi abohlukeneyo abaquka uButho Vuthela, Nathi Mankayi nezinye ukuzokonwabisa abantu kunye nezitatanyiswa zosuku.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks