Umongameli uCyril Ramaphosa uthi uRhulumente weSizwe woManyano (GNU) uwavile amazwi abemi boMzantsi Afrika kwaye uzakuyithobela iminqweno yabo.
Uthe, abantu bathethele phezulu besithi bakhetha uxolo nedemokhrasi kuneendlela ezinobundlobongela, ezingenademokhrasi nezichasene nomgaqo-siseko.
Umongameli ebethetha nje emva kokuba efungile ngethuba ekumsitho wokufungiswa kwakhe kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli ngoLwesithathu.
Engqongwe zizidwangube zamazwe ngamazwe kunye neentloko zamazwe aliqela aphuma kwingingqi yeSouthern African Development Community (SADC), uRamaphosa ubonisa ukuba emva konyulo lwangomhla wamashumi amabini anethoba kuCanzibe, urhulumente ukulungele ukunikezela ngeenkonzo ezibalulekileyo.
“Ngobuninzi babo, ngamazwi amaninzi nahlukeneyo, abantu baseMzantsi Afrika bavotile kwaye bazisa iminqweno yabo, iinkxalabo zabo kunye nezinto abazilindeleyo. Abazange banike naliphi na iqela igunya elipheleleyo lokulawula ilizwe lethu kuphela. Basiyalele ukuba sisebenzisane ukulungisa ingxaki yabo kwaye sifezekise iminqweno yabo,” utshilo.
Waleka ngelithi abantu baseMzantsi Afrika nabo “babengagungqi ekuvakaliseni ukuphoxeka kwabo nokungayamkeli indlela esiqhuba ngayo (imibutho yezopolitiko) kwezinye zeendawo esingabalelanga kuzo.”
By Anita Qubula.
