URano Kayser unyulwe njengenkokheli entsha yeNelson Mandela Bay Caucus

Umbutho iDemocratic Alliance (DA) eMpuma Koloni uvuyisana noCeba uRano Kayser emva kokunyulwa kwakhe njengenkokeli entsha yeNelson Mandela Bay Caucus.

UKayser ungene ezihlangwini zalowo wayesakuba ngusodolophu uRetief Odendaal onyulwe kwiNdlu yoWiso-mthetho yePhondo leMpuma Koloni.

UCllr Kayser wayelilungu langaphambili leKomiti kaSodolophu waseNelson Mandela Bay yezeNdlela noThutho kwaye ngoku uza kusebenza okwesibini njengeNkokheli yeCaucus yeDA. Ube ngummeli woluntu ukusukela ngonyaka ka-2011 kwaye uyinkokeli evavanyiweyo. Kusenjalo iDA ithe kwingxelo yayo uCllr Kayser uza naye ubutyebi bamava eziko aza kunceda ekuqhubeleni phambili iCaucus kwicala elifanelekileyo.

Lombutho uthi uqinisekile ukuba iCaucus, phantsi kobunkokheli bukaCllr Kayser, iya kuba yeyona nkcaso inempumelelo ngakumbi kwiBhunga.

Kusenjalo amanye amalungu asanda kunyulwa kubunkokeli beCaucus kuquka kuwo UCeba uPieter Terblanche – iSekela leNkokeli yeCaucus
• UCllr Ingrid van Wyk – uSihlalo
• UCeba Ziyanda Kalani – uSekela Sihlalo

Umbutho weDA uthi uzakuqhubeka nokulwela ukuhlangula iNelson Mandela Bay nabahlali bayo kurhulumente wobumbano osilelayo ngoku.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA