Usapho lwabakhwetha ababini abadutyulwa babulawa bekunye nomkhuluwa wabo kwisikolo sokwaluka kwilali yaseNgcwazi eMpuma Koloni, luhlaba ikhwelo kwizigqeba zomthetho ukuba zikhawulezise ukubamba abenzi bobubi.
Usapho lakwaBusakwe eNgqamakwe lusabambe ongezantsi kulandela ukudutyulwa kwamalungu osapho lwalo. Omnye wosapho lakwaBusakwe ukwimeko ezinzileyo esibhedlele.
Unobangela wesi sehlo awukaziwa.
Abafana bakwa Busakwe uAnele no Awonke bebeneminyaka eli 19 nengama 20 ubudala. Ngelixa belindele ukuya kuzimanya neentsapho zabo ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe, omnye wabo ebesajonge ukufumana iziphumo zakhe zokugqibela zebanga leshumi.
Usapho lwabo belujonge phambili ekwamkeleni aba bafana babuye njengamadoda kwimibhiyozo yekhaya ezayo. Kodwa isithethi sosapho, uMncedi Busakwe, uthi oku kutshintshile njengoko ngoku kufuneka benze amalungiselelo emingcwabo yabo.
“Sikhathazeke kakhulu silusapho ngenxa yokuba asazi ukuba masenze ntoni na okanye kuzakwenzeka ntoni. Le nto yenzekileyo ibingalindelwanga nangona izinto zisenzeka kodwa le yintlekele. Asazi ukuba siza kwenza ntoni okanye siza kubangcwaba njani. ”
UBusakwe uthi esi siganeko senzeka kwisithuba esingangenyanga emva kokubhubha komnye wamalungu osapho kwaye sishiye abanye abakhwetha bexhwalekile.
“Abanye abantu abaqinisekanga ngoko kuza kwenzeka kubantwana babo. Abanye babo baye bacebisa ukuba abantwana babo babuyiselwe ekhaya baze balinde olo suku lombhiyozo.”
USihlalo weMnquma Initiation Forum, uNkosi Phathuxolo Tyali, uthi kusekuninzi ekufuneka kwenziwe ukuqinisekisa ukhuseleko lwabakhwetha kwiindawo ezikufutshane.
“Indlela eyenzeka ngayo le nto kufuneka sisebenzisane nenkonzo yamapolisa ukuze sihlangule abo bakhwetha baziva bengakhuselekanga. Awusoze wazi kwanto ukusukela ngoku, kufuneka silumke sithintele nantoni na enokwenzeka. ”
Umkomishinala wephondo leMpuma Koloni uNomthetheleli Mene umemelele uluntu ukuba lusebenzisane namapolisa ukuze kubanjwe umenzi wobubi ngokukhawuleza.
“Singamapolisa sifuna ukubamba lo mntu kungoko sixhomekeke kuluntu ukuba luncedise ngolwazi olungakhokelela ekubanjweni kwalo mntu ukuze agwetywe.
Ngokwengxelo yesebe lezempilo eMpuma Koloni, basibhozo abakhwetha abathe babhubha ukusukela oko kuqale ixesha lolwaluko lasehlotyeni.
