Home Iindaba USHIYE IKHAYA NGENTSASA NGOMHLA WAMASHUMI ABABINI ANESITHANDATHU KUCANZIBE(26/05/2023) WAYA ESIKOLWENI KODWA AKAFIKA...

USHIYE IKHAYA NGENTSASA NGOMHLA WAMASHUMI ABABINI ANESITHANDATHU KUCANZIBE(26/05/2023) WAYA ESIKOLWENI KODWA AKAFIKA ESIKOLWENI AKABONWA NANGABAFUNDA ESIKOLWENI AQHELE UKUHAMBA NABO.

Ngalo Mgqibelo womhla wamashumi amabini anesine kuzakubekwa uAmahle Mxhonywa oneminyaka elishumi elinesixhenxe ubudala (17), umke ekhaya ngentseni yomhla wamashumi amabini anesithandaku kuCanzibe ka 2023,ebeyongena noogxa bakhe esikolweni eBazindlovu SSS eLower Ngqungqu, kodwa ngale mini akazange abonwe tu.

Emva kokuba engabonakali ekhaya ukuphuma kwesikolo, ukukhangela ngokukhawuleza kwaqala ngaphandle kwethamsanqa. Amathambo akhe abhaqwe xa abazingeli babona izinja zabo zisitya ubuchopho bentloko yomntu kwibhulorho yaseNgqungqu eMqanduli. Wayesenza iBanga leshumi ngelixesha.

Abazingeli ngoko nangoko baxelele abahlali abaxelele amapolisa.

Amathambo afunyenwe nangona amanye elahlekile, ngoko ke amapolisa kunye nabasebenzi be-Forensic Pathology bakwazile ukucholachola okukhoyo kwindawo yesiganeko.

Le ntombazana ineminyaka elishumi elinesixhenxe ubudala izakubekwa kwikhaya layo lokugqibela ngoMgqibelo womhla wamashumi amabini anesine kweyeSilimela kwaye ndizimisele ukuhlangana nabazili.

Ndibongoza kwakhona onke amadoda ukuba azikhwebule kwizenzo zolwaphulo-mthetho olujoliswe kwabasetyhini, abantwana kunye nawo onke amanye amaqela abuthathaka. EMzantsi Afrika abafazi nabantwana bafanele ukuba bahambe ngokukhululekileyo njengaye nawuphi na omnye umntu, kodwa bahlala besoyika. Amadoda aba zizilwanyana, ndibhekisa kwindlela yokuziphatha endiyibonayo, kwaye luxanduva lomntu wonke ukukhusela abafazi nabantwana.

Ndicela izigwebo eziqatha kwabo babanjelwe kulwaphulo-mthetho olunxulumene ne-GBV&F kwaye ndiyabongoza uluntu ukuba luncedise amapolisa kuphando lwamatyala alolu hlobo.

Iinkcukacha zoqhagamshelwano zosapho: uMnu. Mthetheleli Maqume
0733867372

UPETROS MAJOLA ophuma kwiKhula Community Dev. Iprojekthi ye-EC.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks