Home Iindaba UShoprite uqinisekise ngokuvulwa kweevenkile ezitsha eziyi-122 kwisiqingatha sesibini sonyaka-mali.

    UShoprite uqinisekise ngokuvulwa kweevenkile ezitsha eziyi-122 kwisiqingatha sesibini sonyaka-mali.

    IGosa eliphetheyo lakwaShoprite lixoxa ngelithi ukonyuka kwe-Vat kuya kubabeka engxakini abathengi.

    By Lilitha Phenduka.

    INgqonyela yakwaShoprite uPieter Engelbrecht ulumkise uMphathiswa wezizimali uEnoch Godongwana ngelithi ukonyuswa kwerhafu yokutya kungatshabalalisa naziphi na iimpawu zokuya phambili kubathengi baseMzantsi Afrika.

    Ngokwengxelo zephepha ndaba i-Business Tech, kwinyanga ephelileyo, uHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe luye lwamiswa emva kokuba amalungu orhulumente wobumbano ezikhabile izicwangciso zokunyusa irhafu yexabiso (VAT) ngeepesenti ezimbini (2%).

    Isicwangciso esihlaziyiweyo siya kunikezelwa kubenzi bomthetho ngomhla weshumi elinesibini (12) kweyoKwindla. Lo kaEngelbrecht uthe uyathemba ukuba abazukubona ukunyuka kwe-VAT kuba abathengi abanakukwazi ukuyihlawula kwaye ukwalumkise ngelithi amashishini akanakufane akwazi ukufunxa olo nyuso.

    Oku kungenxa yokuba kuye kwafuneka bazakhele awabo amandla kunye nonikezelo lwamanzi emva kweminyaka yokucuthwa kwaye batyala imali kumaziko amatsha okusasaza ukuze babambe isitokhwe esingaphezulu ngenxa yomthamo ophantsi wemveliso yasekhaya.

    U-Engelbrecht uthe urhulumente usandula ukudibana neenkampani zaseMzantsi Afrika malunga namaxabiso okutya kunye nokunyuka kwerhafu okunokwenzeka.

    Uthe uShoprite kunye nabanye abathengisi behlabathi bazama ukukhangela indlela yokunciphisa ukunyuka kwamaxabiso okutya ngokusebenzisa itekhnoloji entsonkothileyo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks