Home Iindaba Usibhexeshe ngempumelelo uHlumela Qabo isibhadlalala somsitho obuchotshelwe eMonti apho bekuwongwa, kuhlonitshwa osomashishini...

    Usibhexeshe ngempumelelo uHlumela Qabo isibhadlalala somsitho obuchotshelwe eMonti apho bekuwongwa, kuhlonitshwa osomashishini bale dolophu.

    Oloncumo lwakhe lugoso nomoya osulungekileyo ubesisikhanyiso kuzo zonke ikona kulomsitho.

    Umfanekiso: UMsasazi kanomathotholo iTru FM, okwangu somashishini nomphathi-theko ophume izandla, uHlumela Qabo.

    By Inga Mkalali.

    Le ntokazi yaseMdantsane lilizwi eliqhelekileyo kumakhaya ngamakhaya ngentsimbi yesithathu kusasa kwisikhululo iTru FM.

    UHlumela Qabo waqala ukusasaza kwisikhululo esasibizwa ngokuba yiMdi’Zee FM esaye sahamba savalwa ngenxa yokusebenza ngaphandle kwempephamvume oku wakutsho kwikhasi lakhe lika Facebook.

    “Ngelishwa sasibancinci ngoko sasingazi sasilambele ukubonakalisa izakhono zethu nothando lukanomathotholo esinalo phofu phambi kwalonto ndandiqhele umane ndizishicilela ndisasaza ndisebenzisa umnxeba ndingayazi ukuba kungaze kubekho isikhululo sikanomathotholo elokishini ngenye imini .”

    “Kuthe emva kweminyaka eliqela xa kwakuvulwa iMdantsane Fm ndangena khona ndisenza inkqubo ethi SIYAJUJUMA TOP 30 endandiyibhexesha nogxa wam uSilk Damoyi naye oseTru FM ngoku kunye noNkosinathi Dj Nko Sikoti ngengomnkqulunkqi-nkqubo.”

    Le ntokazi ngumzekelo ongqingqwa wokuba impumelelo isentabeni kwaye ekunyamezeleni ukhona umvuzo kuba ukuzimisela nesakhono sakhe samkhokhelela ekubeni abhengezwe njengomnye wabasasazi beTru FM (SABC) ngo-2021, emva kokuphumela ukhuphiswano leTru FM. Le ntombi kanina ayilolizwi laziwayo nje kuphela ikwabubo nobuso obuqhelekileyo komabanakude kuba ebedlala indawo kaMandisa Dweba oligqwetha lakwaMxenge kwiGqeberha: The Empire, eyaba yitelenovela yokuqala ukushicilelwa ephondweni.

    UHlumela uzingomba isifuba ngokukwazi ukusungula imisitho yokuxhobisa nokukhuthaza amabhinqa kwiphondo iMpuma Koloni, konke oku ekwenza egameni lenkampani yakhe iKaligo Functions eyasungulwa ngonyaka ka-2014, kwaye ukhe wawongwa ekwisihlandlo sesithathu kwiimbasa Imbokodo Entrepreneurial Awards.

    Ukuzimisela kwakhe kwinto yonke ayenzayo kudlulisa umyalezo othi akhonto eyoqqitha ukulitsibela ulibambe ngezandla zombini lonke ithuba olufunayo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks