Ukhuseleko lwabantu abanxulumene neKhomishini yoPhando kaMadlanga luphinde lwaphakamisa inkxalabo emva kwesityholo sokuzama ukubulawa kuka Wiandre Pretorius owaye khankanywe lingqina elahlaselwa labulawa uMarius Van De Merwe owaziwa njengo Witness D.
UPretorius wakhankanywa kubungqina bomvakalisi-mfihlo obuleweyo, uMarius van der Merwe, owaziwa njengoNgqina D. UVan der Merwe wabulawa emva kokunikela ubungqina, nto leyo eyonyuse uloyiko malunga nokhuseleko lwabantu abanxulumene nomsebenzi wekhomishini.
Isithethi sekhomishini, uJeremy Michaels xa ebethetha nooNondaba, uthe bakhathazekile.
“Sikhathazekile ngokhuseleko lwawo onke amangqina kunye nabo banokuba ngamangqina,” utshilo, esongeza ukuba uPretorius akazange acele ukhuseleko kwikhomishini kwaye akangomnye wamangqina ayo ngoku.
Amapolisa aseGauteng aphanda ityala lokuzama ukubulala emva kwesiganeko sokudutyulwa eVan Dyk Park, eBoksburg, kusasa ngoLwesine. Isithethi samapolisa uDimakatso Nevhuhulwi sithe abarhanelwa abangaziwayo ababehamba ngemoto emhlophe uToyota Vits badubule indoda ibizakungena kwikhaya layo.
“Ixhoba alonzakalanga, kwaye unobangela wokudutyulwa awukaziwa okwangoku. Uphando luyaqhubeka,” utshilo.
Iingxelo zidibanisa uPretorius nesi sehlo, nangona amapolisa engakhange aqinisekise ngokusesikweni igama lexhoba.
IKhomishini kaMadlanga iphanda izityholo zorhwaphilizo, uthungelwano lobugebenga kunye nentsebenziswano engafanelekanga ngaphakathi kwezomthetho. Ukubulawa kukaVan der Merwe kunye nesi sehlo samva nje kuye kwandisa uloyiko malunga nokhuseleko lwabantu abanxulumene nophando.


