Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithi ngabantwana besikolo abakwikhulu elinamashumi amabini abangeniswe kwisibhedlele saseKomani emva kokugula.
Isithethi sesebe, uSizwe Kupelo, uthe abafundi abangamashumi amathathu anesine, abaphakathi kweminyaka elisibhozo neshumi elinesihlanu ubudala, besikolo esiseMlungisi basiwe kwisibhedlele saseFrontier.
Uthe bebekhalaza ngokuqaqanjelwa sisisu, isicaphucaphu nokugabha.
UKupelo uthe abanye abafundi besikolo sesibini eKomani “bathwaxwa sisifo sokutya (food borne).”
Uvavanyo luyenziwa ukufumanisa unobangela wokugula kwabo.
Bebonke, abafundi abali-120 babeneempawu zokurhawuzelelwa, abanye babephefumla nzima. Abanye bebenobushushu obuphezulu, ezinye iimpawu ezibalulekileyo beziqhelekile,” utshilo uKupelo.
Uthe bonke abantwana “bakwimeko ezinzileyo.”
