USomlomo uDidiza uthumela ileta evela kuMbalula we-ANC kusihlalo weKomiti yokugxotha

USomlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe uThoko Didiza uthumele ileta evela kuNobhala-Jikelele we-African National Congress (ANC) uFikile Mbalula kusihlalo weKomiti yokugxotha yeCandelolamashumi asibhozo anethoba (Section 89) yePalamente.

I-ANC ityhile ukuba u-Advocate Thandazani Madonsela, ocetyiswe yikomiti njengenkokeli yobungqina, wayekhe wacebisa i-ANC ngemithetho neenkqubo zeCandelo lamashumi asibhozo anesithoba (Section 89).

Iqela lithe, nangona kunjalo, oku akuchasi, kwaye alibuzi ukuzimela kwegqwetha, kodwa lifuna ukuba kubhalwe phantsi.

USomlomo uthe le nto iphantsi kwegunya lekomiti, kwaye ayizukuphazamisa inkqubo yayo yokwenza izigqibo.

Isithethi sePalamente uMoloto Mothapo uthe, “Ikomiti igqibe kwelokuba, ngeenkqubo zayo, iza kukhetha inkokheli yobungqina ukuze iyincede emsebenzini wayo.

“Nje ukuba ikomiti igqibe inkqubo yayo yokwenza izigqibo, ulawulo lwepalamente luya kwenza kube lula iinkqubo zokuthenga nezolawulo ezifunekayo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
10.9 ° C
10.9 °
10.9 °
78 %
4kmh
86 %
Mon
11 °
Tue
11 °
Wed
17 °
Thu
21 °
Fri
25 °

EZITHANDWAYO INDABA