By Siphiwo Boqwana.
UMbutho weBhola eKhatywayo eMzantsi Afrika iSouth African Football Asociation uvakalise ukutshintshwa komqeqeshi weBafana Bafana kukhuphiswano le-African Nations Championships, iSAFA ingqinile ukuba owayesakuba ngumqeqeshi weqela lebhola ekhatywayo kwi-PSL iKaizer Chiefs uMolefi Ntseki nguye othathe indawo kaHelman Mkhelele.
Ukhumbule ukuba eli qela belizakudlala umdlalo wokuzibekela indawo kolukhuphiswano le-CHAN ngoLwesihlanu umhla womashumi amabini anesibhozo (28) kulenyanga sikuyo yoMdumba nto nje wajikwa ngenxa yeengxaki zamaphepha okungena kweli kwiqela leSizwe lebhola ekhatywayo laseJiphethe, kungoku nje lo mdlalo uzakuqhubeka ngeCawa umhla wesibini (02) kwinyanga ezayo yoKwindla.
Oku kutshintshwa komqeqeshi we-CHAN kuza emva kokuba umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos ecele ukususwa kuka-Helman Mkhelele njengomqeqeshi kolukhuphiswano ebeka isizathu sokuba bamanxadanxada ngoku balungiselela iBafana Bafana kwimidlalo ezayo nezakudlalwa kwiiveki ezimbalwa ezizayo, eli qela lesizwe loMzantsi Afrika lizakuqubisana neLesotho kwakunye neBenin kwinyanga ezayo yoKwindla, nalapho izakube izama konke okusemandleni ukuba izibekele indawo kwindebe yehlabathi yebhola ekhatywayo kunyaka ozayo ka-2026.
UMolefi Ntseki uzakuncediswa ngu-Raymond Mdaka ongumqeqeshi weqela lebhola ekhatywayo labangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini ubudala (U/20) laseMzantsi. Oku kuzakuba kokwethutyana nanjengoko UNtseki eqeshelwe ukuphatha kuphuhliso lebhola ekhatywayo ukusuka ezantsi njengomanejala.
By Siphiwo Boqwana
