28.4 C
King William's Town
Wednesday, February 11, 2026

Uthi imiyalelo yokhuselo (Protection Order) umthetho uthi ingathunyelwa ngeWhatsapp uMphathiswa uKubayi

By Karabo Zwane

Amagosa e-Justice, Crime Prevention and Security (JCPS) Cluster abongoze uluntu lwaseNtshona Koloni ukuba luthathe inxaxheba ngokuxela izenzo zolwaphulo-mthetho njengoko urhulumente esandisa iinzame zokulwa ubundlobongela nolwaphulo-mthetho.
Esi sibongozo size ngexesha iJCPS ibisingathe i-imbizo yoomphathiswa eDulcie September Hall eAthlone ngoLwesibini, ejolise ekuqiniseni intsebenziswano phakathi koluntu namaziko onyanzeliso-mthetho.
Le mbizo yinxalenye yephulo eliyintlanganisela kuThintelo loLwaphulo-mthetho noBundlobongela leJCPS, egxile ngakumbi kwingxaki yamaqela emigulukudu, ukubulawa kwabantu, kunye nobundlobongela obusekelwe kwisini (GBV) kweli phondo — elingomnye wemimandla echaphazelekayo kakhulu lulwaphulo-mthetho elizweni.
UMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko, uMmamoloko Kubayi, uthe gqi kumanyathelo amatsha ajolise ekomelezeni ukhuseleko lwamaxhoba obundlobongela, esithi imiyalelo yokhuselo (protection orders) ngoku ingahanjiswa ngeWhatsApp. Eli nyathelo kulindeleke ukuba likhawulezise inkqubo yokwazisa abaphendulayo kwaye lenze kube lula kumaxhoba ukufikelela kukhuseleko lwezomthetho, ngakumbi kumatyala anxulumene ne-GBV.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
28.4 ° C
28.4 °
28.4 °
52 %
1.2kmh
27 %
Wed
27 °
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
18 °
Sun
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks