27.6 C
King William's Town
Wednesday, March 18, 2026

Uthweswe isithsaba sobukhosi u-Igwe Ndigo ngoMgqibelo eMonti kweliphondo leMpuma Koloni

UKumkani Omtsha waseNigeria Uthweswe Isithsaba eMonti ngomhla wamashumi elinesine (14) kweyoKwindla. Oku kwenziwe ukubhiyozela iNkcubeko kunye noLuntu oluPhilayo oluziswe ngabantu baseNigeria abahlala eMpuma Koloni kwiminyaka engamashumi amathathu (30) edlulileyo kuluntu. UKumkani uSolomon Ogbonna Eziko ngokusemthethweni uqanjwe ukuba ngu-Igwe Ndigbo na East London.

Ngaphambili abantu baseNigeria abahlala eGhana bazame isenzo esifanayo ntlandlolo kodwa kwantlanga zimukaa nomoya nalapho kuvakala ukuba bagxothwa ngabantu baseGhana ababeziva ngathi bakhule bekhululekile kwilizwe labo. Nangona kunjalo, u-Igwe Ndigbo ubonakala esekhaya kuluntu lwaseMpuma Koloni. Kuthiwa ukuthweswa kwakhe isithsaba kubonakale kunamandla kwaye uluntu lukhululekile.

Iingxelo zidiza ukuba abantu baseNigeria abafike eMzantsi Afrika kwiminyaka engaphezu kwamashumi amathathu (30) eyadlulayo, kwaye ngoMgqibelo umhla weshumi elinesine (14) kweyoKwindla ka-2026
baye babamba lomsitho obenza babonakale kwaye babandakanyeke ngohlobo olufanayo nabantu abaphuma kwilizwe lase-Indiya kunye nezinye iintlanga ezihleli ixesha elide kwelaseMonti kwiphondo leMpuma.

Bekukho ukwakhiwa nokubonakaliswa koluntu lwaseNigeria oluphilayo eMzantsi Afrika.

Iimeko zabo kunye nokukhangela amathuba angcono kukhokelele uninzi lwabo ukuba lufuduke kwaye luseke iindawo kwihlabathi liphela

Ukufika kwamalungu oluntu lwaseNigeria kunye neenkokheli zemveli zaseMonti kwindibano yama-Igwe yeNkosi uSolomon Ogbonna Eziko sisiganeko esibalulekileyo, siqaphela igalelo lakhe kuluntu lwama-Igbo. INkosi u-Ogbonna inikwa isihloko se-Igwe Ndigbo na East London, uphawu lwentlonipho kunye nobunkokeli ngaphakathi kweli lizwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.6 ° C
27.6 °
27.6 °
55 %
4.5kmh
96 %
Wed
28 °
Thu
34 °
Fri
25 °
Sat
18 °
Sun
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks