
By Nyameka Lamani.
UMrhanelwa obanjelwe ukubulala umtshutshisi wenkundla yemveli uTracy Brown, uvele kwinkundla kamantyi yaseGqeberha izolo. USimthembele Xungu oneminyaka engamashumi mathathu anesithathu (33) ujongene nezityholo zokubulala, ukwenza iyelenqe lokubulala, nokuba nemipu neembumbulu ngokungekho mthethweni.
Ityala lakhe lihlehliselwe umhla wesithathu (03) kweyoMsintsi 2025 ukuze kufakwe isicelo esisemthethweni sebheyile, nesiya kuchaswa ngamandla ngurhulumente. UXungu uza kugcinwa eluvalelweni de avele kwakhona enkundleni.
Umtshutshisi uBrown wadutyulwa igazi labanda ngamadoda amane axhobileyo ngobusuku bamashumi amathathu ananye (31 )kweyeKhala 2025, eGqeberha. Uhlaselo lwenzeke ngaphandle kwekhaya lakhe, phambi kweqabane lakhe kunye nentombi encinci. Ebeneminyaka engamashumi amane anambini (42) ubudala.
Ngeenzame zophando ezingayekiyo zeCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhakamileyo (DPCI), uXungu wafunyaniswa engumrhanelwa. Kwaye kwafumaniseka ukuba wabalekela eRhawutini kamsinya nje emva kwesi siganeko ngelizama ukubaleka ubulungisa.
Ngomhla wamashumi amabini ananye kweyeThupha ngo2025, ngethuba abaphandi bebelandela umkhondo eRhawutini, kwafunyanwa ulwazi olubalulekileyo lokuba umrhanelwa ubuyela eGqeberha. Inyathelo elikhawulezileyo, eli qela laseka indlela elungelelanisiweyo eyakhokelela ekubanjweni komrhanelwa.
Ukhuseleko lwabatshutshisi lubaluleke kakhulu kwi-NPA, kwaye sizimisele ukuqinisekisa ukhuseleko lwabo. INPA iyawuncoma umsebenzi wabaphandi kunye nabatshutshisi. Iqela liza kuqinisekisa ukuba akukho litye elishiywe lingaguqukanga ukuze kuqinisekiswe ukuba abaququzeleli, ngokukodwa abo bayalela ukubulawa kukaTracy Brown bajongana nobulungisa.
I-NPA ikugxeka kabukhali ukubulawa kwabatshutshisi kwaye iqinisekisa ukuzinikela kwayo ekuqinisekiseni ukuba ubulungisa buyenzeka.
Ukubulawa kwabatshutshisi luhlaselo kulawulo lomthetho kunye nemithetho-siseko yedemokhrasi exhasa ilizwe lethu.