Home Iindaba Uyabuya ngokungxamisekileyo uMongameli phesheya

    Uyabuya ngokungxamisekileyo uMongameli phesheya

    Umongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaposa unqumle ngesaquphe uhambo lwakhe lwaMazwe angaphandle ejolise umbombo kweloMzantsi Afrika ngelinge lokuqubisana nengxaki yombane weNkampani kaEskom eyombathe eli.

    Isigqibo sakhe silandela intlanganiso engxamisekileyo ebeyimbambe kunye nabo bonke abaphathiswa kwiKhabinethi yakhe ngeCawa umhla we 18 Septemba 2022

    Sithetha nje kukho uxinzelelo olukhulayo lwezopolitiko olugunyazisa uMongameli uRamaphosa ukuba abuyele eMzantsi Afrika ukuze ajongane nengxaki yombane nezibangela ucimi-cimi de uye kwinqanaba lesithandathu(stage 6)

    Ukanti uMongameli bekulindeleke ukuba abuyele phesheya eNew York xa ephuma emangcwabeni weKumkanikazi uElizabeth ll waseNgilani kodwa ngoku izakubuyela kweli. Umongameli ebekwelaseMelika kwiveki ephelileyo eyokuzimasa icandelo lokuvula ekwinqanaba eliphezulu yeseshoni yonyaka yeNdibano yeZizwe eziManyeneyo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks