Owayesakuba nguMphathiswa weSebe Lwe zaMashishini Oluntu ka Rhulumente uMalusi Gigaba ulindeleke ukuba abuyele eNkundleni Yamatyala loLwaphulo-mthetho lweMali yasePalm Ridge ngoLwesihlanu wale ntsasa ye – 30 January 2026, apho aza kujongana neenkqubo ezinxulumene nezityholo atyatyekwa ngazo zenkohlakalo kwiiKontraka zokuthengwa kweelokomotive eTransnet.
Utyholwa ngokufumana ufunjathiso lweMali gwenxa phakathi kukaNovemba 2010 noMeyi 2014, kwaye ujongene nezityholo kwiTyala elinye lokwenziwa kwakelenkohlakalo.
Phakathi kwathyolwa nabo kukho izikhulu ezazongamele ulawulo eTransnet uBrian Molefe, uSiyabonga Gama, uAnoj Singh, kunye neNjineli uThamsanqa Jiyane.
Eli qela lijongene namatyala amaninzi kuquka ubuqhetseba, inkohlakalo, ukophula uMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (Public Finance Management Act), kunye nokophula uMthetho weNkampani (Companies Act).
UGigaba ebeye wavela enkundleni ngoNovemba odlulileyo. Iinkqubo zanamhlanje uLwesihlanu kulindeleke ukuba zibandakanye ukudandalaziswa kwenkcukaca zetyala, ukunikezelwa kwesibhengezo samatyala, kunye nokubekwa komhla wokudluliselwa kwetyala eNkundleni ePhakamileyo.
Esi sigqibo senza inxalenye yophando olubanzi malunga notyholwa ko ngenelelo gwenxa ulawulo eTransnet, enye yeenkampani zamashishini oluntu karhulumente eMzantsi Afrika, ebandakanyeke kakhulu kwiState Capture.

