By Nyameka Lamani
Kulindeleke avele kwinkundla kamantyi umrhanelwa obanjelwe amatyala amabini okubulala nelozama ukubulala eMpuma eMamelodi
Kubanjwe indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo(38) ubudala izolo,ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesixhenxe(27) kweyeDwarha ka-2025 ngamatyala amabini okubulala kunye nelokuzama ukubulala enzeke eMpuma yeMamelodi e-Extension 17 ngeCawe, umhla wamashumi amabini anesithandathu-26 kweyeDwarha ka-2025.
Uphando lwamapolisa ludize ukuba ixhoba lesithathu eladutyulwa ngethuba lesi sehlo lifumana unyango esibhedlele.Igqiza labacuphi bephondo laseRhawutini abajongene nolwaphulo-mthetho olunobundlobongela asebenzise olu lwazi, iProvincial Crime Intelligence, kunye nabacuphi base Mpuma eMamelodi babambe umrhanelwa kwindawo yokugcwalisa ipetrol ePitoli.
Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi yaseMamelodi namhlanje, umhla wamashumi amabini anethoba(29) kweyeDwarha ka 2025.

