Inkokeli yeRise Mzansi, uSongezo Zibi, uthi kufuneka kubekho impendulo ecwangcisiweyo kwingxaki yokufudukela kwelinye ilizwe.
UZibi wenze la mazwi ngelixa ethetha nabeendaba eRhawutini malunga nenkqubela phambili yezopolitiko elizwe eliyibonileyo.
UMongameli uCyril Ramaphosa uthethe nesizwe ngeCawa umhla wesixhenxe (7) kweyeSilimela, echaza izicwangciso zikarhulumente zokujongana nokufudukela kwelinye ilizwe ngokungekho mthethweni. La manyathelo abandakanya ukuseka iinkundla ezizinikeleyo ukukhawulezisa ukugxothwa kwabaphambukeli abangenazo iimpepha kunye nokuvalela entolongweni abaqeshi ababaqeshayo.
UZibi ucele ulawulo olufanelekileyo lwemida. “Kucacile ukuba kangangeminyaka emininzi besinengxaki yokufudukela kwelinye ilizwe eguqukayo, apho amandla karhulumente okulawula ingxaki nokuyilungisa ngokuchanekileyo ebehla ngokuhamba kwexesha. Esinye sezizathu zokuba soyike kakhulu yiFinancial Action Task Force kukuba imida yethu ingenazo iintunja. Unabantu abaseka amaqela olwaphulo-mthetho ukuxhasa ubugrogrisi kwezinye iindawo zelizwe, njalo njalo.”

